Acela iivoti Amawele kaMamTshawe ukuze azuze iQuantum

UMasibulele Gompo, ozibiza uNongoma. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMasibulele Gompo ozibiza uNongoma weqela likaMaskandi elithi Amawele kaMamTshawe ungenele ukhuphiswano lwe-Top 30, apho amaqela ayi-30 omculo kaMaskandi ekhuphisana ngeevoti zoluntu, ze iqela eliphume phambili ngeevoti ezininzi lizuze imoto yohlobo lweQuantum.

Olu khuphiswano yinxalenye yeMother Of All Maskandi Festival, eza kubanjwa ngomhla we-6 kwinyanga ezayo kuTshazimpuzi eMoses Mabhida People’s Park, kwiphondo laKwaZulu-Natal.

Kungoku nje eli qela libambe indawo yesibini ngeevoti, kwaye ithemba likaNongoma lempumelelo lisekubeni Amawele kaMamTshawe azuze iivoti ezininzi.

Ukuqala kweli qela lalineemvumi ezimbini kodwa kwashiyeka uNongoma emva kokumka kukaZama Ntenteni ozibiza ngokuba nguTornado.

UNongoma nosele inguye oshiyekileyo kweli qela, uthi esona sizathu sokuqa aqhube negama elithi Amawele kaMamTshawe kukuzama ukugcina nokuphakamisa eli qela ukuze lingafi.

Amawele kaMamTshawe, nekungengomawele ngokuzalwa, yayisaya kuba ngabafana ababini bakuCentane abazalwa ziintombi zikaMamTshawe, ze bakhuliswa ngumakhulu wabo uMamTshawe. Noko kunjalo, emmva kokushiya kukaTornando eli qela, washiyeka uNongoma eqhuba nalo.

Eli qela lomculo kaMaskandi lingenele olu khuphiswano nobhaso lwalowo uphumelele kwindawo yokuqala, eza kuzuza imoto yohlobo lweQuantum.

“Umdla wam omkhulu ekungeneleni olu khuphiswano lweTop 30, kukuba ndifuna kwaziwe aMawele kaMamTshawe acula uMaskandi hayi kwiMpuma Koloni nje kuphela, koko kwizizwe ngokubanzi,” utshilo uNongoma.

Ukwathe Amaweleka MamTshawe ayaqala ukungenela olu uhlobo lokhuphiswano, kwaye owona mnqweno wakhe mkhulu kukuphumelela, ukuze azuze iQuantum entsha kraca.

Eli qela lomculo kaMaskandi laziwa ngeengoma ezifana noKuyoze kube nini, Bayasazi, Songena Nawe, Mhla kuphel’amandla, Imali yegazi kunye nezinye.

“Ndihlaba ikhwelo kuluntu ukuba luvotele Amawele kaMamTshawe ukuze abeneevoti ezininzi. Impumelelo kolu khuphiswano ingatsho lukhulu kum, nanjengoko xa kuphela inyanga ezayo kuza kumele ndishicilele icwecwe elitsha lam. Ukuzuza iQuantum yeyona nto ingenza ubomi bam bube lula,” wongeze ngelo uNongoma.

Ukuvotela Amawele kaMamTshawe uthumela igama elithi Amawele kaMamtshawe kwinombolo ethi 44893, ukanti iSMS nganye ixabisa iR1.50, kwaye ungavota nkangaphi na. Olu khuphiswano luvulwe ekuqaleni kule nyanga, kwaye luvalwa ngomhla we-3 kwinyanga ezayo kuTshazimpuzi.

Ukanti ngosuku lwalo mnyhadala iMother Of All Maskandi Festival, amaqela akwiTop 30 aza kwabelana ngeqonga, ze elo qela liyakube lifumene iivoti ezininzi, ligoduke nentsha kraca yona iQuantum.