Ubethwe entolongweni uNandipha Magudumana

UNandipha Magudumana ubethwe entolongweni ngamabanjwa amabini.

Iingxelo zithi uNandipha Magudumana ubethwe ngamabanjwa amabini entolongweni ngeCawe. Esi sehlo senzeke kwintolongo yabasetyhini apho avalelwe khona eKroonstad eFreyistata.

Igqwetha likaNandipha uMachini Motloung ethetha ne-eNCA usiqinisekisile esi sehlo.

“Ndifumene umnxeba ovela kuNandipha endichazela ngesi sehlo emva koko ndawulandelela lo mba ndaza ndaqhagamshelana nentloko yentolongo ukuze ndifumane iinkcukacha ezithe vetshe ngesi sehlo,” utshilo.

UMotloung uthi uNandipha ubethwe ngamabanjwa amabini, ibanjwa elingumntu omhlophe (sangoma) kunye nebanjwa elingaphilanga ngokwasengqondweni.

“Kudala efumana izigrogriso kwaye kudala naye ezixela kwabasemagunyeni kodwa akukho nto yenziweyo,” utshilo uMotloung.

Isebe leeNkonzo zoLuleko lisiqinisekisile esi sehlo, isithethi sesebe uSingabakho Nxumalo uthi amagosa ezempilo aqhube uxilongo kuNandipha kwaye awafumananga manxeba abonakalayo.

“Isebe leeNkonzo zoLuleko liphanda ezi ziganeko emva kokuba kuthiwa bekukho umthandazo kwisisele esahlukileyo kwesikaMagudamana. Siyaziqinisekisa iingxelo zengxabano kunye nesehlo sokutyhalelwa kwiintsimbi zesisele.

“Amagosa eSebe lezoLuleko acebise uMagudumana ukuba avule ityala ngethuba exela ukuba uhlaselwe, kodwa wakhetha ukuthetha namagqwetha akhe kuqala.

“Ukhuseleko kunye nentlalo-ntle yamabanjwa yeyona nto iphambili kuthi, kwaye izityholo ezinje sizithathela phezulu. Kungoko esi sehlo siphandwa,” utshilo uNxumalo.