ABafana Bafana baseAlgeria kwiFIFA Series!

Iqela laBafana Bafana.

ABafana Bafana bandulukele eAlgeria ngeCawe, umhla we17 kweyoKwindla ka2024 ukuya kuthabatha inxaxheba kwimidlalo yobuhlobo yehlabathi yeFIFA Series.

Kunyanzeleke ukuba umqeqeshi uHugo Broos enze iinguqu ezimbalwa kwiqela labadlali abangamashumi amabini anesithathu (23) alibhengeze kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, apho uSiyanda Xulu noThabang Monare bangene endaweni kaSiyabonga Ngezana noSphephelo Sithole. USithole ukhutshwe ngenxa yokonzakala ngelixa uNgezana urhoxiswe ngenxa yobunzima bokuhamba eRomania.

Ingxelo yaBafana Bafana ithi uBroos uhambe nabadlali abalishumi elinesihlanu (15) ngeCawe, abadlali beMamelodi Sundowns neSupersport United bazakudibana neqela lonke laBafana eAlgeria ngenxa yemidlalo yeNedbank Cup.

IFIFA Series yimidlalo yobuhlobo eza kudlalwa ngamaqela esizwe asuka kwimibutho eyohlukeneyo, adla ngokungalifumani ithuba lokudlala kunye.

Eyona njongo yeFIFA Series kukuvumela intsebenziswano yebhola ekhatywayo yamazwe ngamazwe kunye nokwenza igalelo elibambekayo kuphuhliso lwebhola ekhatywayo kwihlabathi.

Amazwe aza kusingatha iFIFA Series yokuqala yiAlgeria, Azerbaijan, Egypt, Saudi Arabia neSri Lanka, ngelixa kuzakubakho amaqela esizwe angamashumi amabini anesine (24) aphuma kuzo zontandathu imibutho yebhola ekhatywayo.

UMongameli weFIFA uGianni Infantino uthe iFIFA Series linyathelo elincomekayo eliya phambili kumaqela esizwe ebhola ekhatywayo kwinqanaba lehlabathi.

“Imibutho yethu ibisixelela ixesha elide ngoku ngomnqweno wabo wokuzivavanya badlale noogxa babo abavela kwihlabathi liphela, kwaye ngoku bangayenza loo nto.

“Imidlalo emininzi enentsingiselo iya kwenza intsebenziswano ebaluleke ngakumbi yebhola ekhatywayo kubadlali, amaqela kunye nabalandeli, kwaye iya kwenza igalelo elibambekayo kuphuhliso lwebhola ekhatywayo,” utshilo uInfantino.

IFIFA Series iza kuqhuba ukusuka ngomhla we18 ukuya kowama26 kweyoKwindla ka2024 kwaye uBroos ujonga le midlalo njengethuba lokuqalisa ukucwangcisela ikamva.

Abafana bakaBroos badlala umdlalo wokuqala bedlala neAndorra e19 May 1956 Stadium eAnnaba, eAlgeria, ngoLwesine, umhla wama21 kweyoKwindla ka2024. Emva koko baqubisane neAlgeria eNelson Mandela Stadium eAlgiers ngoLwesibini, umhla wama26 kweyoKwindla ka2024 phambi kokubuyela ekhaya.