UVladimir Putin uphumelele kwakhona eRashiya

UMongameli waseRashiya uVladimir Putin. UMFANEKISO: NATALIA KOLESNIKOVA/POOL/AFP via Getty Images

Uphumelele ngamashumi asibhozo anesixhenxe eepesenti ekhulwini (87%) uMongameli welizwe laseRashiya uVladimir Putin kulonyulo kwela lizwe laseRashiya. UPutin uphumelele olu lonyulo erhubuluza phantsi kwezigxeko ezinzima ezivela macala onke.

UNjingalwazi Jill Dougherty uthi uPutin uphumelele ngaphandle kwengxaki nangona bekhona abamchasileyo.

“Nangona bekhona abo bachasene nokungena kwakhona kukaPutin elulawulweni, ayikho into abanokuyenza okwa ngoku, uphumelele ngokucacileyo,” kutsho uNjingalwazi Dougherty.

Uthi uqhankqalazo oluchasene nokonyulwa kukaPutin sisininzi eRashiya kuthetha ukuba luyeza utshintsho ngenye imini eRashiya.

Abantu baseRashiya abachasene nolawulo lukaPutin baqhube uqhankqalazo kwiindawo ezininzi eziquka iJamani ngelithi makaphume elulawulweni.

“Ukusukela oko waphatha uPutin akazange abaxelele abantu baseRashiya ngesicwangciso sakhe sokuba ngubani ozakuthatha emva kwakhe,” kutsho uDougherty.

Kudliwano-ndlebe namajelo eendaba wehlabathi uPutin uthi ukuphumelela kwakhe kuthetha ukuba uzakuqhubela phambili nomsebenzi wakhe.

“Zininzi kakhulu iinkqubo zokuphuhliswa kwabantu baseRashiya ekumele ukuba ndiqhubeke nazo ukusukela ngoku ukuya phambili,” kutsho uPutin.

Eli komanisi kulindeleke ukuba liqhubeke lilawule abantu baseRashiya iminyaka emithandathu ezayo kwakhona. “Ungenelelo lwamazwe aseNtshona eUkraine lungahle lukhokelele kwimfazwe yesithathu yehlabathi, kwaye asikufuni oko,” uthethe watsho uPutin.

UDaniel Treisman ngumhlalutyi ozimeleyo kwezopolitiko kwihlabathi. “Ibonakalisa umanyano lwabantu baseRashiya ukuxhasa ulawulo labo ababonakala beluthanda, nangona ikho imingqandandana emchasa uPutin,” kutsho uTreisman.

Amakhosikazi wamadoda aseluvalelweni ngenxa yokuchasa uPutin avakalise ukuchasa kwawo ukonyulwa kwakhona kukaPutin njengoMongameli.

“Makakhulule abantu abavalele bengenamatyala, ityala labo kukunqanda ukuqhutywa kwemfazwe kwilizwe laseUkraine,” itshilo enye inkosikazi.

Amanye wala makhosikazi athi angabahlolokazi ngenxa yeenkqubo zikaPutin njengoMongameli welizwe laseRashiya.

UPutin ukhulele ngaphakathi kumkhosi welizwe laseRashiya nalapho asebenze kumanqanaba ahlukeneyo.

Ngomnye woomongameli behlabathi abanezakhono ezizodwa nanjengoko ekwazi ukuziqhubela inqwelomoya kwakunye nenqwelo-ntaka yakhe ngaphandle kokuncediswa.

UPutin ngumhlobo omkhulu woMzantsi Afrika ngenxa yembali endala eyasungulwa ngamadoda afana noMoses Mabhida, Moses Kotane nabanye. Bakwa nobuhlobo obuliqilima phantsi kwembumba yeBRICS.