Inkonzo yesikhumbuzo somtshutshisi odutyulwe eGcuwa!

UNtsikelelo McAllister Ntlekeni.

IGunyabantu lezoTsutshiso iNPA eMpuma Koloni, lithi, lizakuqinisekisa ukuba bonke ababandakanyekayo ekudubuleni kogxa wabo uNtsikelelo McAllister Ntlekeni bayabanjwa kwaye badibane nengalo yomthetho njengoko uphando luqhuba.

Oku kuza emva kokuba amapolisa edize iingxelo zokudutyulwa kokaNtlekeni, edutyulwa ngamadoda amabini angaziwayo ebezigqume ubuso ngakwindawo yentselo eNew Rest eGcuwa, kurhatya lwangoLwesine kwiveki ephelileyo.

Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Siphokazi Mawisa ithi, uNtlekeni uphume phandle xa ebuyela ngaphathi endlini wadutyulwa.

Lo kaNtlekeni (49) noyinzalelwane yendawo iLubhacweni kwaBhaca neyayisaziwa njengeMount Frere, ebesebenza kwiNkundla yamaTyala eGcuwa.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA, uLuxolo Tyali uthi, imbali ithi uNtlekeni waqala njengomqheliswa kwaNPA ngo2001 eNtshona Koloni. Imfundo yakhe enomsila wayiphumelela eUniversity of Transkei (UNITRA) nesele isaziwa njengeWalter Sisulu University.

Kule veki ngoLwesithathu ngomhla we20 kule nyanga kuzakube kubanjwe inkonzo yakhe yesikhumbuzo eGcuwa, ze ngoLwesihlanu umhla we22 ibeyinkonzo yakhe yomngcwabo eLubhacweni.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo uthi simothusile esi sehlo kwaye asimonwabisanga.

UMadolo uthumele igqiza kusapho lwexhoba ngeliyokunika inkxaso kwanoyokulilisana nosapho.

INPA ikwadlulisa amazwi ovelwano koogxa bakhe emsebenzini nakwizihlobo.