Umlo weANC neMK Party

UMongameli uCyril Ramaphosa weANC noJacob Zuma weMK Party.

Umbutho weANC umangalele ikomishini ezimeleyo yonyulo kweli (IEC) ngelithi yophule umthetho ngovumela iMK Party kaJacob Zuma ukuba ifakwe kuluhlu lwemibutho ezakuvotelwa.

Idabi phakathi kwale mibutho mibini liyafudumala nanjengoko zicutheka iintsuku zomhla wonyulo lukazwelonke namaphondo.

Umhla wamashumi amabini anesithoba (29) kuCanzibe ngumhla wolonyulo kweli ngokumiselwa nguMongameli uCyril Ramaphosa.

Umbutho weMK Party kaJacob Zuma usebenzise imibala yeANC kwaneempawu ezithile zombutho weANC eziquka umkhonto oyinxalenye yeempawu eziphambili zeANC.

Iingcali zopolitiko zithi ingangaphumeleli iANC kwidabi lokuba kukhutshwe iMK Party kuluhlu lwabavoti kweli. Idabi phakathi kwale mibutho mibini lifudumele ngamandla kwiphondo laseKZN nalapho le mibutho izama ukufumana ulawulo layo kwela phondo.

USy Mamabolo uthi abanakuthetha nto ingako ngalo mcimbi kuba lo mcimbi usezinkundleni zamatyala. “Ngumcimbi ophethwe ziinkundla lo, asinakuthetha nto ngawo ke ngoko, sakulindela iinkundla ukuba zithathe isigqibo ngalo mcimbi,” kucacisa uMamabolo.

UMongameli weANC uCyril Ramaphosa umemelele unyamezelwano phakathi kwemibutho neenkokheli zezopolitiko. Umbutho weMK kwingxelo yawo igragrame waqobisa usithi uzakulwa ngeendlela zonke ukuqinisekisa ukuba uyahlala kuluhlu lwabavoti.

“Nabani osebenzela ukukhupha iMK kuluhlu lwabavoti azayazi ukuba sikulungele ukulwa sincame imiphefumlo yethu ngenxa yalo mbutho,” itshilo ingxelo yeMK Party.

Kwiphondo laseKZN kuyakhula ngamandla ukunganyamezelani phakathi kombutho weANC, iMK Party kwakunye neIFP.

Ngempelaveki inkokheli yeANC kwela phondo yehluthe umboko kwiNkulumbuso yesizwe saKwaZulu uThulasizwe Buthelezi ngokuhlutha umboko ethetha.

Kuthiwa kukho amalungu weANC alishumi elinesibini (12) adutyulwe alimala, kwaye iinkokheli zeANC zityhola i-IFP ngokuba ngunobangela wolo dubulo.