Uvule igaraji owayenoyise osebenza egaraji

UNokuphila Khumalo.

UNokuphila Khumalo (31) ngomnye wabambalwa abancinci abangamanina abangabanikazi begaraji yokugalela amafutha aquka idilizi nepetroli eMzantsi Afrika. Kuthiwa wakhuthazwa phakathi kwezinye izinto kukuba uyise wayengumsebenzi wasegaraji.

“Ndaqala ngokonga imali ndisengumfundi, ndaza ndaqhubeka nangexesha bendingumsebenzi oqeshiweyo,” kutsho uKhumalo. Ugcine imali elungiselela oku isithuba seminyaka esibhozo ngeenjongo zokuba akwazi ukuzalisekisa iphupha lakhe lokuba ngumnikazi.

“Ngenxa yemali endandizigcinele yona ndakwazi ukuthenga igaraji ndaqalisa ukusebenza njengomnikazi wegaraji,” kutsho uKhumalo.

UKhumalo ungumzekelo wabantu abatsha abaqalisa ukusebenzisa amathuba akhoyo ukuguqula imeko yabo kwanekamva.

“Ndiqeshe abantu abangamashumi amathathu abangabasebenzi phantsi kwam, kwaye bonke ngabantu abatsha,” kutsho uKhumalo.

Ilizwe loMzantsi Afrika nehlabathi lijongene nengxaki yokunqongophala kwamathuba emisebenzi okubangela ukuba ulutsha ludinge indlela yokukhula.

“Ndivuyiswa kukuba ngaphandle kokuqasha abantu, ndivuyiswa kukuba ndenza umahluko kwiintsapho ezininzi ezikwazi ukondla abantwana emakhayeni abo,” kutsho uKhumalo.

Ukukhula kwamashishini amancinci kungancedisa ukukhulisa imeko yezimali kweli, logama kudaleka amathuba emisebenzi emininzi.