URadebe ugxeleshe isikhundla sikaMongameli weSafa

Owayesakuba ngukapteni weBafana Bafana nomdlali weKaizer Chiefs kunye neqela laseNgilane iLeeds United, uLucas Radebe.

Owayesakuba ngukapteni weBafana Bafana uLucas Radebe uzimisele ukuba athathe iintambo njengomongameli olandelayo weSafa.

Ulawulo lwangoku lweSafa olukhokelwa nguDanny Jordaan lungene kumbhodamo wolawulo oluphawulwe zizityholo zobuqhophololo nobusela bemali engaphaya kwesigidi seerandi (R1.3 million).

Yimeko ebangele ukuba icandelo elijongene nolwaphulo mthetho elikhethekileyo, ooKhetshe, bagqogqe iSafa House.

Le nto ide yatsala umdla weCAF, umbutho olawula ibhola ekhatywayo eAfrika, ngoku ijongisisa ezi zityholo.

URadebe uvumile ukuba sele eqalile ukwenza umsebenzi wokuzilungiselela ukuba ngumongameli weSafa olandelayo.

“Ngokuqinisekileyo, ndiyazixhobisa kwaye baninzi abantu endithetha nabo abandinceda ngolwazi olululo nolufanelekileyo,” utshilo uRadebe ngokweSunday World.

“Oko kuya kundinceda ukuba ndilungele ngenye imini. Andinaso eso simo sengqondo sokuzixelela ukuba ndiyazi into emandiyenze okanye ndiyazi ngcono kuba ndinguLucas.

“Kaloku kum, eyona nto ibalulekileyo kukushiya ilifa ngaphezu kwayo yonke enye into, nokuzisa inkqubela kwibhola ekhatywayo yethu,” iqhube yatsho le ndedeba yaBafana Bafana.

“Endaweni yokuza nemiba yobuqu, endicinga ukuba ayilunganga kwaphela. Inyaniso yeyokuba izinto zineenguqu ebomini, kukho oomongameli abasebatsha ngeminyaka ngoku abanemibono eyahlukileyo.

“Ke kutheni singenako ukutshintsha nathi? Utshintsho lulungile kwaye ndicinga ukuba abadlali bebhola abanamava kufuneka bathathe inxaxheba kwibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu,” uvale ngalo mazwi.

Unyulo olulandelayo lweSafa lungo2026 xa ixesha lolawulo olukhoyo lifikelela esiphelweni.

Lo nto inika lo kaRadebe ixesha elaneleyo lokuqhubeka efumana inkxaso kwiingingqi ezahlukeneyo.

Ukuba ulwela esi sikhundla aze agqibe ekubeni onyulwe ngempumelelo njengomongameli weSafa, uRadebe uya kuba ngowokuqala owayesakuba ngukapteni weBafana Bafana ukukhokela ibhodi elawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.