Usiwe esibhedlele ona-7 ofakwe ikhuni kwilungu langasese ngofunda uGrade 7!

Intwazana eneminyaka esixhenxe ubudala yaseLimpopo kutyholwa ukuba yaxhatshazwa ngokwesondo ngumfundi kaGrade 7 esikolweni.

Esi sehlo senzeke ngoMvulo, kwisikolo samabanga aphantsi ePhalaborwa kwisithili saseMopani, ngokokutsho kwesithethi samapolisa aseLimpopo uColonel Malesela Ledwaba.

“Ngokolwazi, umama wexhoba ebesemsebenzini ngethuba etsalelwa umnxeba yintombi yakhe malunga nentlungu kwilungu lakhe langasese,” utshilo uLedwaba.

“Emva koko, xa ebuyela ekhaya umama, umntwana wadiza ukuba umfundi kaGrade 7 wesikolo sakhe ufake ikhuni kwilungu lakhe langasese kwaye uva iintlungu.”

Le ntwazana yathunyelwa ngokukhawuleza kwisibhedlele esikufutshane ukuze ifumane unyango, apho ebefumana ukhathalelo lwempilo olungakumbi kunye nokuhlolwa.

“Esi sehlo saxelwa kumapolisa asePhalaborwa ze ityala labhaliswa ladluliselwa kwicandelo lobundlobongela bosapho, ukhuseleko lwabantwana, nolwaphulo mthetho ngokwesondo ePhalaborwa ukuze kuphandwe ngakumbi,” utshilo uLedwaba.

Ngenxa yokuba umtyholwa ngumntwana, amapolisa athi uhlolo olucokisekileyo luya kwenziwa ligosa loluleko okanye unontlalontle njengenxalenye yenkqubo yophando.

UMkomishinala wamapolisa eLimpopo, uLieutenant General Thembi Hadebe, usigxekile esi sehlo, egxininisa ukuba izikolo kufuneka zibe yindawo ekhuselekileyo.

Ukongeza, uHadebe ubongoze abazali ukuba bakubeke phambili ukuthetha ngokukhululekileyo nabantwana babo kwaye bakhuthaze ubudlelwane bokuthembana kunye nabo.

“Ngokwenza oku, abantwana baya kuziva bekhuselekile kwaye bekhuthazwa ukuba bazityand’ igila kubazali babo ngazo naziphi na iimeko ezilolu hlobo, beqinisekisa impilo-ntle nokhuseleko lwabo,” utshilo uHadebe.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.