Khuzwayo: ‘IChiefs ibindiphethe okwekrexe ithanda uKhune’

Owayesakuba ngunozinti weKaizer Chiefs uBrilliant Khuzwayo.

UBrilliant Khuzwayo uthi ebephethwe njengekrexe kwiKaizer Chiefs, iqela likhetha uItumeleng Khune ngaphezu kwakhe noxa ebesenza ngcono kunaye.

UKhuzwayo, obedlalela iChiefs phakathi kuka2012 no2018, ebesetyenziswa kakhulu njengonozinti wesibini emva koKhune, obeqala imidlalo emininzi kwiqela.

Ethetha nenkqubo kanomathotholo wezemidlalo, uKhuzwayo uphawule ngendlela edlale ngayo iChiefs kwezi sizini zidlulileyo, esithi Amakhosi agqibela ukuphumelela indebe ngethuba esezipalini.

“Ukuba uyakhumbula kakuhle iChiefs yagqibela ukuphumelela indebe ngeMTN 8 emva koko kwalandela iligi, ndandisezipalini kodwa abalandeli bebesamfuna shushu uItu,” utshilo uKhuzwayo.

“Wayengoyena nozinti othandwayo kwaye ngamanye amaxesha bekukho intswela-bulungisa eyenzekayo malunga nokuba aqale imidlalo emininzi xa engazange asebenze nzima ukuba ngunozinti wokuqala. Le yenye yezinto ezibangele ukuwa kweChiefs, yilo nto ndayishiya iChiefs. Bendifana nekrexe kwiChiefs ndisazi kakuhle ukuba akayi ndawo uItu.”

Emva kweminyaka engunozinti weChiefs neBafana Bafana wokuqala, uKhune ngoku ukhethwa emva kukaBruce Bvuma noBrandon Petersen njengonozinti kweli qela.

Kutshanje uKhune ubuyele ejimini neqela emva kokuba enqunyanyiswe kunyaka ophelileyo ngenxa yokuza ejimini ephantsi kweempembelelo zotywala.