Amapolisa akhangela abarhanelwa ababandakanyeka ekubulaweni komtshutshisi

Amapolisa aqalise ukukhangela abarhanelwa ababandakanyeka ekubulaweni komtshutshisi eNew Rest ngaphandle kwaseGcuwa, ngobusuku bangoLwesine, umhla we14 kweyoKwindla ka2024.

Iingxelo zithi ngoLwesine ebusuku ngentsimbi ye-19:45, ixhoba, elineminyaka engama49 ubudala, lalikwishibhini nabanye abantu basekuhlaleni ngethuba liphuma endlini. Uthe xa ebuyela endlini walandelwa ngamadoda amabini angaziwayo enxibe iibalaklava wadutyulwa kumzimba ongentla wabhubhela kwindawo yexhwayelo.

Unobangela wesi sehlo awukaziwa okwangoku, kwaye uphando lwamapolisa lusaqhuba.

Amapolisa acela nabani na onokuthi ancede ngolwazi olungakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa ukuba aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane okanye inombolo yamapolisa yeCrime Stop ethi 08600 10111.