Kufuneka singayideleli iHungry Lions, utsho uRiveiro

Umqeqeshi weOrlando Pirates, uJose Riveiro ngethuba ethetha noonondaba ngeNedbank Cup eGoli. UMFANEKISO: ©Nokwanda Zondi/BackpagePix

UJose Riveiro uthi abadlali bakhe beOrlando Pirates abanakulijongela phantsi iqela leHungry Lions abaza kuqubisana nalo kumdlalo weNedbank Cup eOrlando Stadium ngokuhlwa kwangoMgqibelo.

Ukuza kuthi ga ngoku iPirates iphumelele iMTN8, ngelixa iphoswe yiCarling Knockout Cup kule sizini.

Ithemba labo lokuphumelela indebe yeDStv Premiership libonakala lingenakwenzeka nanjengoko besemva ngamanqaku alishumi elinesithathu (13) kwiMamelodi Sundowns, enemidlalo emibini esandleni.

Kodwa iPirates isenako ukuyihlangula isizini yayo yeDStv Premiership ngokugqiba ikwindawo yesibini ukuze ikwazi ukuthabatha inxaxheba kwiCAF Champions League kwisizini ezayo.

Kwaye akuphelelanga apho. Basenokufumana indebe yesibini ngokongeza indebe yeNedbank kwindebe yabo yeMTN8 abayiphumeleleyo kule sizini – baxelise kwisizini ephelileyo apho baphumelela iindebe ezimbini.

Nangona kunjalo, iPirates kusafuneka igqithe kwiqela leNFD iHungry Lions kumjikelo olandelayo wale Ke Yona Cup eOrlando ngomso.

IPirates liqela abantu abacinga ukuba linethuba elihle lokuphumelela ngenxa yerekhodi yalo. Kwindlela yabo yokuphakamisa le ndebe kunyaka ophelileyo, babethe iFC All Stars, iVenda Football Academy kunye neDondol Stars.

Abazange babonise inceba kwiqela leCrystal Lake kumjikelo wokugqibela weNedbank Cup, uRiveiro ucele omnye umdlalo obalaseleyo kwiqela lakhe ngomso.

“Siyazi ukuba lo mdlalo uzakubanzima ngoba ngumdlalo wendebe, kwaye ngumdlalo owahlukileyo,” utshilo umqeqeshi wePirates kwinkomfa noonondaba phambi komdlalo kule veki.

“Kwimizuzu engamashumi aluthoba (90), kwimeko efanelekileyo yengqondo, ndiqinisekile ukuba baza kuba liqela elisokolisayo emdlalweni. Kufuneka silungiselele yonke imeko.

“Njengoko benditshilo ngaphambili, ngethuba sasidlala neCrystal Lake, ayikho malunga negama leqela okanye indawo, kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba ngubani ofuna ukuya kumjikelo olandelayo.

“Ke, kufuneka sibonise ukuba sifuna ukuya kumjikelo olandelayo ngexesha lomdlalo lemizuzu engamashumi alithoba (90) okanye imizuzu elikhulu elinamashumi amabini (120) esinokwenzeka siyidlale.”

ILions ikwindawo yesithandathu kwiNFD namanqaku amathandathu ngasemva kweOrbit College, ebambe indawo yokudlala imidlalo yokulwela ukunyuselwa ukuya kwiDStv Premiership. URiveiro ulumkise ngelithi iLions liqela elisemgangathweni ophezulu.

“Baliqela eliqhelekileyo loMzantsi Afrika eliphuma kukhuphiswano lwebhola ekhatywayo kwinqanaba lesibini. Banendibaniselwano entle yabadlali abanamava kunye nabadlali abanetalente,” utshilo uRiveiro.

“Banesantya nomgangatho. Ngaloo mini, wonke umdlali uya kudlala ngokuzimisela ukubonisa ukuba bakulungele ukujongana neqela elifana nelethu.”

Amaqela athe angena kumjikelo olandelayo nazakuba yinxalenye yamaqela asibhozo okugqibela aza kulwela indebe yeNedbank Cup ngamaTuks, AmaZulu neStellenbosch.

Mihlanu imidlalo yalo mjikelo eseleyo. IPirates iza kuqubisana neLions ngoMgqibelo ngentsimbi yesithandathu ngokuhlwa. Nantsi eminye imidlalo:

NgoMgqibelo: Chippa United vs Ravens @ 3pm & Richards Bay vs SuperSport United @ 3pm.

NgeCawa: D’General vs TS Galaxy @ 3pm & Mamelodi Sundowns vs Maritzburg United @ 6pm.