Ogwetyiweyo uthi wayengazazi ungenwe yintoni xa wayedlwengula ixhewukazi!

Ogwetywe ubomi ngaphakathi entolongweni yiNkundla yeNgingqi yaseMthatha emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula ixhewukazi (84) elingummelwane, uInganathi Ntwanambi (23), waxelela abahlali ngethuba ebhaqwa esithi akazazi ukuba ebengenwe yintoni xa ebehlasela eli xhewukazi.

Oku kwenzeka kwilali iMahibe eTabase eMthatha, ngomhla we-6 ngoMeyi ka2023 ngethuba eli xhewukazi lisuka edolophini liyokukhupha imali yalo yenkamnkam.

Isithethi seNPA uLuxolo Tyali uthi, ixhewukazi lavuswa ngumntu lilele onkqonkqoza emnyango owathi xa ezichaza wazenza unyana weli xhewukazi, kodwa alavula kuba umnqwazi ungaqini kwaye lisiva ukuba ayilolizwi lonyana walo eli.

UTyali uqhuba uthi kunjalo wangena ngenkani wakhaba ucango nalapho wafika wafuna imali yonke yenkamnkam ngenkani. Eli xhewukazi laxelela uInganathi ukuba iphelile iR2000 sele kushiyeke iR500, kuba ubhatale ngayo amatyala edolophini.

“Lomfana wayibala ngenene imali emveni koko waxelela ixhoba ukuba njengokuba ingaphelelanga imali makayibhathale ngesilalo. Walidlwengula ixhewukazi xa egqibile wasiqwela,” utshilo uTyali.

Emva kokumka kuka Inganathi, ixhoba laphakama layokubika kwabamelwane okusandukwenzeka kulo, kwaye wakwazi nokuchaza kakuhle umrhanelwa wabanjwa ngabahlali kwafikwa enxibe impahla ebichazwe lixhoba.

Ingxelo iqhuba ithi xa abahlali befika kuNtwanambi behamba nexhoba wakhwaza bengekafiki esithi uyalivuma ityala ebengazazi ukuba ungenwe yintoni ngethuba edlwengula umakhulu omdala.

UNtwanambi waye wabizelwa amapolisa wabanjwa, ze lona ixhegwazana lathunyelwa eSinawe Thuthuzela Care Centre (TCC) liyokunyangwa kwaye liyokufumana nololuleko.

Ngethuba kuqhuba ityala, uNtwanambi waphika esithi akanatyala kodwa wayevumile kumakhulu naku bahlali ngethuba wayebanjwa.

Umtshutshisi uFumanekile Kandile, esebenzisana neCPO uZiyanda Fambaza kunye noMantyi uShylock Ndengezi baye bancedisana ngobungqina bamfumanisa enetyala uNtwanambi bavumelana ngesigwebo sobomi.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usiqhwabele izandla esi sigwebo.