Zwane: Impumelelo isinika amandla okujamelana neSundowns

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uArthur Zwane, enika umyalelo uKeegan Dolly emdlalweni weDStv Premiership obuseFNB Stadium. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Isizini isesenyeleni abalandeli bebhola ekhatywayo bafumana umdlalo omkhulu. Kulindeleke kudlane iintsimbi xa iMamelodi Sundowns isamkela iKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership omkhulu oza kube useLoftus Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Umqeqeshi weDowns, uManqoba Mngqithi, uthe iChiefs ayikho kwizinga leqela lakhe ethetha neentatheli phambi kokuqala kwesizini entsha. Kwelinye icala, u-Itumeleng Khune uthe baza kulwela ukuphelisa ukugqugqisa kweSundowns kule sizini. Omabini amaqela aya emdlalweni angafuniyo ukuphulukana nawo. Iyivule kakuhle isizini iSundowns ngokubetha iCape Town City ngamagowuli amabini.

Nangona iChiefs igoduke isophisa emva kokubethwa yiRoyal AM – kodwa ikhuphele umsindo kwiMaritzburg United ebethwe ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obuseFNB Stadium ebusuku ngoLwesibini. Umbuzo: ingaba iChiefs ikulungele na ukudibana neSundowns? Lo mbuzo uza kuphendulwa ebaleni ngoMgqibelo. Nangani wonke umntu ofuna ukubona ukuba uza kuqhuba njani uArthur Zwane – kodwa yena akanaxhala futhi uyiqonda kakuhle into yokuba iqela alakhayo liza kuthatha ixesha ukuze lingene egiyeni. Ethetha emva kokubethwa yiRoyal AM, uZwane uthe:

“Ndiyanixelela, siyayakha iChiefs futhi iza kulunga. Iza kuyiphumelela eminye imidlalo ngendlela esifuna ukudlala ngayo. Nakulo umdlalo, sithi abadlale ngcono.” UZwane wazi kakuhle ukuba iSundowns yahlukile kwamanye amaqela ngoba inabadlali abasemgangathweni ophezulu. “Ibhola ekhatywayo iyaxaka. Kwiveki ephelileyo sidlale kakuhle kodwa sabethwa. Namhlanje sifake amagowuli nangoba umdlalo wethu ubungemhlanga ncam. Ndiyazingca ngomsebenzi owenziwe ngabadlali bethu abancinane. Umdlalo wanamhlanje usinike amandla okujamelanga neSundowns. Imidlalo iyalingana kuthi – kodwa iSundowns liqela eliqhuba kakuhle kakhulu. Siza kubona indlela esenza ngayo ngoba sinabadlali abangawugqibanga umdlalo,” utshilo uZwane.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: Maritzburg United vs Swallows @Harry Gwala Stadium, 19:30

Mgqibelo: Stellenbosch vs Royal AM @Danie Craven Stadium, 15:00; Mamelodi Sundowns vs Kaizer Chiefs @Loftus Stadium, 15:00; Marumo Gallants vs Golden Arrows @Peter Mokaba Stadium, 15:00; Richards Bay vs Sekhukhune United @King Zwelithini Stadium, 17:30; AmaZulu vs Cape Town City @Moses Mabhida Stadium, 20:00

Cawe: Orlando Pirates vs Chippa United @Orlando Stadium, 15:00; TS Galaxy vs SuperSport United @Mbombela Stadium, 17:30