Abafundi: ‘Sinesifuthufuthu yingxinano’

Uqhankqalazo lwabazali kwakunye nabafundi. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Luyaqhuba uqhankqalazo lwabazali kwakunye nabafundi ngezidingo ezingxamisisekileyo kwisikolo saseMasihlangane Senior Secondary School kwilali yakwaNompumelelo eQonce.

Okukhalazelwa ngabafundi nangabazali kukungabikho kwamagumbi awoneleyo kwesi sikolo nto leyo yenza ingxinano.

Ngokwengxelo yeSGB uMnu. Siphiwo Xhosana uthe, “Eyona nto idale ukuba kubekho olu qhankqalazo kukuba thina njengeSGB kudala sindwendwela iSebe ngalomba wamabhangalo, kodwa bathi bona abamazi oyena nokontranka onoxanduva lokulungisa.”

Uqhankqalazo lwabazali kwakunye nabafundi. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Omnye wabazali uHappy Copiso uthe, “Sikhalazela amagumbi okufundela anqongopheleyo, abantwana bafundela kumagumbi axineneyo, umzekelo kwaGrade 8 bayi-106, kwaGrade 9 bayi-105 nakwaGrade 12 bayi-88. Kukhona amagumbi okufundela ethutyana isikolo esanikwa wona ngonyaka ka2022, kodwa zange kubeko ixesha lokuwasebenzisa ngoba ngenyanga yeKhala ka2023 avunguzwa ngumoya emka nophahla.”

Abahlali baseNompumelelo eQonce bavale indlela ngentsasa yangoLwesibini. Unomji ngamagumbi ambalwa okufunda kwesi sikolo.

Uqhankqalazo lwabazali kwakunye nabafundi. UMFANEKISO: UTHUNYELWE