Usweleke kwingozi yemoto umdlali webali loMhlobo Wenene

UNomampondo Noluthando Simayi.

Kusweleke umdlali webali likanomathotholo nelidlala kuMhlobo Wenene FM, elithi “Ithini Na Lento”, kwingozi yemoto ngempelaveki.

UNomampondo Noluthando Simayi obedlala indawo kaNosiseko kulo mdlalo, usweleke ngethuba bebuya esingcwabeni sombhali oyintloko walo mdlalo, uSonwabo Yawa.

UYawa ungcwatywe ngempelaveki eMthatha, emva ngokusutywa kukufa kwingozi yemoto kutshanje.

Ukanti ababini abadlali kulo mdlalo, uNokukhanya Kula, owaziwa kakhulu ngokuba nguThandi, kunye noMzwandile Nzeze, owaziwa ngokuba nguGibson, kuquka nomvelisi walo mdlalo uToffee Zitshu, bafumene ukonzakala kule ngozi, nethe yasuba umphefumlo kaSimayi.

UManejala weSABC eMpuma Koloni, uLoyiso Bala, uvakalise amazwi ovelwano kusapho lakwaSimayi, watsho enqwenelela abo basesibhedlele ukuba bachache ngokukhawuleza.

“Iindaba zamva nje, zokushiywa ngugxa wethu zifikele kwinxeba ebelingekapholi nanjengoko besingcwaba oogxa bethu ababini kwimpelaveki esiphuma kuyo. Sicela abaphulaphuli ukuba banike inkxaso esi sikhululo ngokugcina iintsapho zabo bachaphazelekayo emthandazweni ngeli xesha lobunzima,” utshilo uBala kwingxelo ekhutshwe yiSABC.

UBala uphinde wavakalisa umbulelo ngegalelo elincomekayo, uSimayi alenzileyo kwesi sikhululo.

“Unikele ngexesha lakhe ekuboniseni iinjongo zeSABC ngendlela enentsingiselo, ngokugcina abalandeli bomdlalo benolwazi, befunda kwaye bekonwatyiswa ngulo mdlalo ungemiba eyahlukeneyo echaphazela uluntu. USimayi ukwazile ukubalisa eli bali ngendlela encomekayo iminyaka elishumi, nto leyo iyakuhlala ililifa akukhunjulwa ngalo,” uvale ngelo uBala

Ukanti Umhlobo Wenene FM kunye neqela lonke labadidiyeli bebali elithi “Ithini Na Lento” nabo badlulise uvelwano lwabo olunzulu kusapho lukaSimayi, izihlobo, oogxa bakhe kunye nabalandeli ngeli xesha lobunzima.

USimayi ukhe wavela nakumdlalo kamabonakude iGqeberha: The Empire, nalapho ebedlala indawo kaMaMpinga, ohlobene noMsimelelo noFuneka.