UDesiree Ellis uyilumkele kakhulu iTanzania ebiyingozi kwiWafcon!

Umqeqeshi waBanyana Banyana, uDesiree Ellis, uthi iqela lakhe liza kuqinisekisa ukuba lidlalela ukuwuphumelela umdlalo ozayo. Oku ukuthetha emva kokuba ebhengeze amagama wabadlali beqela lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo.

Ngentsimbi yesithathu emalanga ngoLwesihlanu, uMzantsi Afrika uza kudibana neTanzania emdlalweni ohlakulela imidlalo ye-Olimpiki oza kube useDar es Salaam. Ethetha ekuqaleni kwale veki, uEllis ukubethelele ukubaluleka kokuphumelela umdlalo.

“Siyalazi iqela esiza kudlala nalo. Sikwazile ukuhlalutya indlela elidlala ngayo. Phambi kokudibana nathi, iTanzania ikwazile ukubetha amazwe afana neTogo kwiWomen’s Africa Cup of Nations. Siyayazi indlela edlala kakuhle ngayo iBotswana – kodwa yabethwa yiTanzania. Lo nto ithethe ukuthi asinokwazi ukuya kuyo siyidelela.

Izinto ezininzi sesizenzile kule veki nangona besisalinde kufike abadlali bethu abadlala phesheya kolwandle,” utshilo uEllis phambi kokunduluka kweqela. Ukuya kwi-Olimpiki yinto ebaluleke kakhulu kuDesiree Ellis. Esi sesona sizathu esibangele aqinisekise ukuba ufaka abadlali abanamava wemidlalo we-Olimpiki zangonyaka ka2016.

Ngamanye amazwi, umqeqeshi ubeke ithemba lakhe lokuzibekela indawo emidlalweni ye-Olimpiki kubadlali ekudala bekhona eqeleni lakhe. “Kubaluleke kakhulu ukuqinisekisa ukuba zikhona eqeleni iintsika zalo. Amava ngawona aza kusikhulula emidlalweni esijongene nayo.

Abadlali bethu bayazi ukuba xa ufumene impumelelo, kufuneka unxanelwe enye. Abadlali abaninzi abazimiselanga kuyekelela umxakatho. Bafuna ukuba ngabadlali ababhetele. Kufuneka sidlale umdlalo osemgangathweni ophezulu. Eyona njongo yethu ephambili kukuba sikwazi ukuzibekela indawo emidlalweni ye-Olimpiki yalo nyaka,” utshilo uEllis.

ABanyana Banyana baya emidlalweni ye-Olimpiki bekhuthazekile emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni yetumenye yehlabathi ebikunyaka ophelileyo. Njengeentshatsheli zeWafcon, kunyanzelekile bazibonakalise ngamaxesha onke xa bedlala.

Banyana Banyana:

Oonozinti: Andile Dlamini, Kaylin Swart, Katlego Moletsane.

Abadlala emva: Karabo Dhlamini, Lonathemba Mhlongo, Fikile Magama, Noko Matlou, Asanda Hadebe, Lebohang Ramalepe

Abasesiswini: Linda Motlhalo, Nomvula Kgoale, Lesego Nkoane, Sphumelele Shamase, Thalea Smidt.

Iifolosi: Nicole Michael, Thembi Kgatlana, Noxolo Cesane, Gabriela Salgad, Hilda Magaia, Nthabiseng Majiya noJermaine Seoposenwe.