Awakabhaqwa amabanjwa aqhweshe KwaBhaca

Asemathathu kwalishumi elinesibini amabanjwa aphinde abanjwa emva kokuba la mabanjwa athi aqhwesha kwizisele zesikhululo samapolisa saseMount Frere (KwaBhaca).

Ngokwengxelo ephuma kuCol Priscilla Naidu wamapolisa ephondo, ithi owokuqala wabanjwa ngomhla wokuqala kule nyanga sikuyo, ebanjwa kusasa kokwabo kwilali yaseNkungwini eMount Frere. UNkosinathi Ngcopheni wayebanjelwe ukuba engekagwetywa besaxoxa amatyala. Umrhanelwa wesibini uSodlana Luphumzo wabanjwa kwilali iBislan kokwabo, yena ebelindele ukuchophela ityala lokuqhekeza.

Owesithathu umrhanelwa uAyanda Madzikane, ubanjwe kule veki kumatyotyombe aseSection B eMount Frere. La mabanjwa aqhwesha ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga ephelileyo. Ngokwengxelo kaCol Naidu amabanjwa aqhawula ngezithuba zentsimbi yesibini ekuzeni kusa ngethuba amapolisa ayesenza utyelelo lwemihla ngemiihla eziseleni ukujonga ukuba asaphelele na amabanjwa. Besaqhuba baqaphela umngxunya omkhulu edongeni lwesi sele nekucaca ukuba aba baphuma ngawo. Kwaye nocingo elikude kufuphi nesi sisele lisikiwe.

Amapolisa ayabongoza kuye nabani na onolwazi ngomntu ebebanjiwe osekuhlaleni akhawuleze atsalele amapolisa aqonde. Angatsalela iNkumanda yesikhululo saseMount Frere, uCol Fundiswa Mhlamanzana ku0824992480 okanye 039 2550550 kungenjalo ku10111. Abo bakuthi bakhuseleke kungenjalo bangazichazi amagama wabo.

UNjengele wePhondo uZithulele Dladla ulumkise abantu ekubeni bahlale bethe qwa bangonzakali kwaye bakhawuleze batsalele amapolisa. Amapolisa asalindele imifanekiso yamabanjwa nanjengoko ibingekakhutshwa.