Ukungavoti sisiqalo sobuyatha, ngakumbi kwabo baxinge ebunzimeni

Njengokuba kulo nyaka uMzantsi Afrika ufince amashumi amathathu eminyaka yeNkululeko, kufanele sisonke sivuye ngoba ukuvota kusigcine ilizwe kwade kwalapha. Nditsho kuba inkululeko yasizalela umgaqosiseko owasinika amalungelo. Elinye laloo malungelo lelokuzikhethela urhulumente okanye iinkokeli ezifunwa sithi.

Kwiveki ezayo kufuneka senza kanye lo nto. Abantu abadala bayasibalisela intlungu ababephila phantsi kwayo kwiminyaka yobandlulelo ephambi kuka1994. Ngunyaka lowo onembali ngoba abantu abamnyama eMzantsi Afrika babeqala ukuvota. Ngaphambili kwakuvota abantu abamhlophe kuphela. Lilungelo abazinika lona elo ngoba omnyama umntu ebengeyonto.

Batsho abantu abadala xa besibalisela. Nembali ebhalwe ezincwadini iyangqinelana nabo. Okwenzeka ngo1994 kwanika abantu beli lizwe ithuba lokuzakhela ubomi obutsha, elizweni elitsha eliphethwe ziinkokeli ezikhethwe sisininzi. Ngelishwa ke, inkululeko zange ihle phezulu okwemana.

Yasetyenzelwa nzima futhi kwabakho nokuphalala kwegazi. Andizami ukoyikisa mntu ngaloo mazwi, ndikhumbuza abalibeleyo ukuba ilizwe lisukaphi. Njengokuba kukho ilungelo lokukhetha imibutho okanye iinkokeli ezithandwa sithi siziziqu, likhona nelungelo lokungakhethi. Liyingxaki elo lungelo emntwini ongakhathaliyo.

Inani labantu abavotayo ngo1994 laliphezulu. Mhlawumbi abantu babekhuthazwe kukulangazelela ilizwe elitsha nokubuka amadoda neentombi (zalo) ezazibuyele ekhaya emva kweminyaka yomzabalazo. Okuthe kwaqapheleka kukuba inani labantu abathi bayokuvota ngomhla wolonyulo liyehla kakubi.

Ndithe mandibhale ibinza elifutshane ngoba ukungavoti ndikubona njengento eyingozi. Kum ukungavoti kufana nokuqala kobuyatha obulichithayo ilizwe endaweni yokulakha. Ndingavakala njengomntu odelelayo komnye umntu onesizathu esibambekayo. Ndingahlupheka ukuba kunganjalo ngoba andifuni ukuvakala ngolo hlobo. Ndiyawazi amabali wethu ngale nkululeko yethu esayifumanayo akafani.

Ukungavoti kwabantu kuyingozi ngoba singaphetha sesingenaye urhulumente xa abantu bengavoti ngomhla wolonyulo. Kufuneka inani elikhulu labavoti ukuze ulonyulo luvunywe ngumthetho njengento onokubambelela kuyo. Ngamanye amazwi, xa kuvote abantu ababini endaweni yabalishumi – ngeke sikwazi ukuthi ngenene abantu bathethile.

Lo nto ingadala kubekho umbhodamo ngoba inkqubo yethu ithi abantu mabakhethe ngobunzi babo. Kukho abantu abangavotiyo bengenazo izizathu. Kubekho abangavotiyo kuba besithi ababoni mahluko owenziwa lulonyulo. Wonke umntu ufuna okuhle. Ukungavoti kulungisa ntoni? Nofuna ukohlwaya aboni iba yinto yomzuzwana.

Ilungelo ngalinye esinalo likhatshwa luxanduva. Yinto abayilibalayo leyo abantu kwezi ntsuku. Njengokuba besendikuchazile ubungozi bokungavoti, ndifuna ukongeza ngelithi ukungavoti kufanele kumphuce ilungelo lokukhalaza lowo ungavotanga. Emva kovoto, uza kukhalazela umntu owonyulwe ngubani wena ungavotanga?

Ukuvota sisiqalo sokwakha isiseko esomeleleyo sedomokrasi yethu esifuna iqinise intlalo yethu ukuze sikwazi ukwakha ingomso lethu nelabantwana bethu. Awuqali ufumane amaqithiqithi wento emnandi ungayisebenzelanga. Lowo ngumthetho wendalo ekufanele siwubethelele ezingqondweni zethu sonke. Nali ithuba lokugcina nokukhupha abangakonelisiyo.

Ukuba indlela ekwenziwa ngayo izinto imbi, yilungise ngomhla we29 kuCanzibe. Ukuba ulikhathalele ikamva lelizwe lakho, khuthala ngakumbi ngokuthi uyokubeka unxi (X) wakho. Asinayo enye indlela esinokuqinisa ngayo ilizwe lethu nesinokulungisa ngayo okwenzekileyo ukuba sibaleka uxanduva lokuvota. Nokuba umntu uqumbile, makangakukhalali ukuvota.

Umsindo wakho wukhuphele phaya ephepheni lokuvota oza kulinikwa ngamagosa we’Independent Electoral Commission (IEC). Ndiyacenga mawethu, masivoteni sonke. Ngeke sibenalo ilizwe sisonge izandla. Iingxaki ezikhoyo zifuna sisukume sonke senze indima yethu singabantu balapha eMzantsi Afrika.

Ezi zizimvo zombhali, azinanto yokwenza nephephandaba, I’solezwe lesiXhosa.