Umbulali kaUyinene Mrwetyana ubuyele enkundleni ngetyala lokuzama ukudlwengula

ULuyanda Botha ngethuba wayesenkundleni ngetyala lokudlwengula nokubulala umfundi waseUCT, u-Uyinene Mrwetyana ngo2019. UMFANEKISO: Ayanda Ndamane/AFrican News Agency(ANA)

ULuyanda Botha, indoda egwetywe izihlandlo ezintathu zobomi entolongweni ngokudlwengula nokubulala umfundi waseUCT u-Uyinene Mrwetyana ngo2019, ivele kwinkundla kamantyi yaseWynberg ngetyala lokuzama ukudlwengula owasetyhini oneminyaka engamashumi amabini ananye (21) ubudala kwiminyaka emihlanu phambi kokuba abulale uMrwetyana.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eNtshona Koloni, uEric Ntabazalila, esi sehlo senzeke kwinyanga yeSilimela ngo2014 kwikholeji yabongikazi eAthlone eKapa, ngethuba uBotha wayetyelele owasetyhini wafumana ixhoba lihlamba ngelo xesha.

“Wazama ukumdlwengula, kodwa ixhoba lakwazi ukuzilwela. Kamva wabanjwa,” utshilo uNtabazalila.

Kuthiwa eli gqiyazana lavula ityala ngakuBotha.

“Ityala lasiwa phambi kwenkundla, ummangali akazange aye enkundleni yaza inkundla yala ukubu uMbuso ulihlehlisele. Ityala liphinde labuyiselwa emva kokuba egwetyelwe ukubulala nokudlwengula u-Uyinene,” utshilo uNtabazalila.

Ixhoba sele linike ubungqina kwaye kulindeleke ukuba kubizwe elinye ingqina enkundleni xa ityala libuyela enkundleni ngomhla wesixhenxe (7) kwinyanga yeSilimela.

Ityala likaUyinene Mrwetyana

Ongasekhoyo u-Uyinene Mrwetyana.

UMrwetyana (19) wadlwengulwa wagetyengwa nguBotha owayesebenza ePosini eClaremont.

NgoMgqibelo umhla wama24 kweyeThupha ka2019, uMrwetyana waxelelwa nguBotha ukuba ipasile yakhe ayikakulungeli ukuqokelelwa kwaye kufuneka abuye emva kwemini nangona kwakusemva kweeyure zokusebenza kwePosi.

Uthe akubuya uMrwetyana ngokomyalelo, uBotha watshixa ucango wangena kuye. Wamdlwengula wambulala ngokungenalusini emva koko wawufihla umzimba wakhe phambi kokuba awutshise ngosuku olulandelayo emva kokuba ethenge ipetroli.

Umzimba kaMrwetyana wafunyenwa kwilokishi yaseLingelethu West eKhayelitsha ulahlwe emngxunyeni. Ibali lakhe laba ngundaba-mlonyeni kwaye labangela uqhushululu kuMzantsi Afrika wonke.