Abatyholwa ngokuba ibhokhwe babhubhile

Kumadoda amathathu kubhubhe amabini emva kokubethwa ngabahlali baseButhongweni eNgqeleni kuba betyholwa ngokuba ibhokhwe.

Ngokwengxelo ephuma kuSgt Kaya Matola-Mvanyashe kula mmandla, uSibonda waseButhongweni wafikelwa ligquba labahlali abangaphaya kwamashumi amane ubuninzi (45) eyedwa kwakhe.

Eli gquba lifike namadoda amathathu anamanxeba okubethwa. Oku kwenzeke kuLwesihlanu weveki ephelileyo. Kwaye babephethe nale bhokhwe batyholwa ngokuba bayibile.

USgt Matola-Mvanyashe uthi ababini kula madoda onama45 ezelwe kwakunye nonama55 ezelwe babhubha, ze omnye kwesi sithathu wabalekiselwa kwisibhedlele esikufutshane.

Amapolisa ala mmandla aphanda ngetyala lokubulala kwaye akukabanjwa mntu.

Umnikazi webhokhwe akafunanga ukuvula ityala lokubelwa, ngokokutsho kukaMatola-Mvanyashe.