Inkciyo yokukhuthaza iintombi nto

KwiKomkhulu lakwaNtonga kuVonqo eDutywa ngethuba iintombi nto zishiyisana ngomxhentso phambi kweeNkosi zePhondo. UMFANEKISO: Sithandiwe Velaphi.

Kwikomkhulu lakwaNtonga kuVonqo eDutywa ngethuba iintombi nto zishiyisana ngomxhentso phambi kweeNkosi zePhondo. UMFANEKISO:Sithandiwe Velaphi.
Kwikomkhulu lakwaNtonga kuVonqo eDutywa ngethuba iintombi nto zishiyisana ngomxhentso phambi kweeNkosi zePhondo. UMFANEKISO:Sithandiwe Velaphi.

Iphondo leMpuma Koloni lithi lifuna ukufundisa uluntu into yokuba nakweli phondo kuyahlolwa kwaye zikhona iintombi nto.

Oku kudizwe kwiKomkhulu lakuNtonga kuVonqo eDutywa, ngethuba iNdlu yeeNkosi yePhondo ibibambe umsitho wenkciyo apho kukhuthazwa iintombi nto. Ezi ntombi beziphuma eMbhashe, eWinnie Madikizela-Mandela, eMzimvubu, eNyandeni, eMhlontlo kwakunye naseSajonisi.

Ngentsasa yangoLwesihlanu (08 EyeDwarha), iintombi nto ezibalelwa kwiwaka zivuke zaya emlanjeni ziyokuvaswa. Emva kokubuya kwazo kuye kwaxhelwa inkomo ze kwaqaliswa nomsitho wezithethi kukhuthazwa impilontle kula mantombazana.

UNkosazana Zanozuko Nolitha Ludidi wesizwe samaHlubi kuQumbu uthi injongo yokuba bathi gqolo bebamba amaphulo akumila kunje kukuba bafuna ukuphakamisa ixabiso leentombi kwaye bazazi.

“Sikwavuselela nesidima sobuntombi nesobumama. SiziiNkosi sikho ukuba sibe ngabagcini bamasiko kwakunye nezithethe. Bantwana bam eli xesha sikulo ayiloxesha lihle, limnandi kuba siyahlukunyezwa, kungoko sifuna nikhule nikwazi ukuzimela ningaxhomekeki. Abantwana masingabalahli, sibakhusele kwaye bakhule bezazi ukuba bangoobani na,” utshilo uNksk Ludidi.

USodolophu woMbhashe, uSamkelo Janda, uthi kuphilwa kwixesha elinzima, elokubulawa kwabantwana abangamantombazana. Uthi indawo yaseMbhashe ngokweenkcukachamanani zolwaphulomthetho eziye zikhutshwe ngamapolisa, ifuna ukuxaka kule nto yokuphathwa gadalala kwamanina kwakunye nabantwana. Uthi oomama kwakunye nabantwana baphila ubom bokudlakatheliswa kwanokungcungcutheka ngobuni babo bedlakatheliswa ngamadoda, abanye babo izizihlobo abathembele kuzo.

“Akhona ke amadoda asalungileyo, sinqwenela ibe luninzi lwaloo madoda athi hayi ngelawo igama. Iintsuku ezinje ngolu suku sifuna ukuba ibe yimfundiso kuye wonke umntwana kwaye nomzali anqwene ukuba yanga nowakhe umntwana angayinxenye namaphulo,” utshilo uJanda.

Abantu abangoomama abahlola abantwana abangamantombazana babizwa ooNomehlo. UNosizwe Makaula iNkosazana yamaBhaca, onguNomehlo kwaBhaca, uthi ngokwenza oku bafuna ukuba abantwana abangamantombazana bazithembe kwaye bazithande. Uthi kwinkciyo akuphelelanga ekuhlolweni intombazana ukuba ayikadibani nendoda. “Kuninzi esikwenzayo sibafundisa ukuziphatha, ukuhlonipha, ukuzithemba ukukwazi nokuzimela bangaxhomekeki,” utshilo uNkosi Makaula.

UMakaula uthi bakwakhuthaza bekwakha nabantwana abangamakhwenkwe ngohlobo amabaziphathe ngalo ngeenzame zokunqanda iziganeko ezenzeka kule mihla.

UNkosikazi Nomandla Nosandi Mhlauli obambele njengosihlalo kwiNdlu yeeNkosi kuzwelonke, uthi babona abantwana nolutsha bezinikezela kubantu abadala abanemali kuba besithi bazama indlela yokuphila kuba kunzima emva emakhaya.

“Sizokunikhuthaza ukuba ninyamezele, nisebenzise izakhono zenu enifundiswe ngazo emakhaya. Imfundiso iqala emakhaya hayi kooNomehlo. Uthi kwiNkciyo ayilohlolo qha into ebalulekileyo ziimfundiso. Naselwalukweni ziimfundiso ezibalulekileyo. Abantwana emakhaya mabafundiswe ukuba baziintyatyambo zamakhaya abo, wona amakhwenkwe afundiswe ukuba ngabakhuseli bamakhaya nesizwe ngobubanzi. Kuyingozi ukuthatha ubomi bakho ubunikezele emagxeni endoda kuba iziphumo ziba zibi xa sele kukho odiniweyo.”