Badudula ooduladula eKhayelitsha

Ibhasi yakwaGolden Arrow etshiswe kwisitalato iJoe Gqabi eKhayelitsha izolo

Kapa: Kutshiswe ooduladula ababini benkampani yakwaGolden Arrow kwingingqi yaseTown Two, eKhayelitsha kwaye kutyholwa abahlali abafuna ukusika iziza kumhlaba wabucala. 

Abahlali bathi bafuna ukubeka amatyotyombe abo kumhlaba okufutshane nenkundla kamantyi yaseKhayelitsha; mhlaba lowo ungoweKhayelitsha Community Trust (KCT) ulungiselelwe ukwakha izindlu ezizakuqashiswa kubantu abarhola imivuzo emincinci.

Usomlomo wenkampani yakwaGolden Arrow uBronwen Dyke uthi, “emva kwesisiganeko sesibini sokutshiswa koduladula wethu siye sazinqumamisa inkonzo zethu kula lokishi ukuqinisekisa ukhuseleko lwabantu. Imeko siyijonge ngeliso elibukhali kuba siphoxekile kakhulu yile nto kuba sizama ngako konke ukusa iinkonzo zethu eluntwini nekulapho zifuneka khona, kodwa kufuneka sijongile nelahleko eyenzekayo ngenxa yeziganeko ezikumila kunje.”

Omnye uduladula utshiswe ngenjikalanga yangeCawe, logama owesibini utshiswe ngenjikalanga yangoMvulo; nalapho kuye kwagityiselwa ngamatye udululadula wesixeko seKapa nekudizwa ukuba umqhubi uzisindise ngokuba aphume ame ngaphandle kwayo. Ngenxa yokuba aba duladula besixeko besoloko bebekwe esweni ngamagosa onyanzeliso-mthetho akhawuleze afuna uncedo emapoliseni yabe isinda ngolohlobo ukuba ingatshiswa.

Kwezi zenzo zabahlali konakaliswe nesikhululo sikaloliwe saseKuyasa. 

Abahlali bengingqi ezahlukileyo eKhayelitsha basika iziza kumabala akufutshane kubo bengajonganga ukuba abekelwe ntoni na, babanga ngelithi badiniwe kukuhlawula imali yerenti apho bahlala khona.