Bagwetyiwe ababulala ngokungenalusini umnini venkile nomncedisi wakhe!

UMandla Qosho (46), uSiyanda Makaleni (45), kunye noSgagela Mgwatyu (53) balivumile tyala kwinkundla ephakamileyo yaseMakhanda, eRhini. UMFANEKISO: FACEBOOK

Agwetyiwe amadoda amathathu kulawo mahlanu, athi aqweqwedisa, adlwengula, ze abulala ngokungenalusini umnini venkile nomncedisi wakhe eNcera, eKidds Beach, eMonti kunyaka ophelileyo.

UZoleka Gantana (57) owayengumnini venkile, kunye nomncedisi wakhe uKholosa Mpunga (27), bathi baqweqwediswa, eNcera, eKidds Beach, eMonti. Abarhanelwa abahlanu basebenzisa imoto kaGantana ukubaleka nabo. Emva kokubaqweqwedisa kule venkile, babavalela kumkhukhu okwifama eseNgqushwa.

Ingxelo iqhuba ithi, kwathi xa omnye waba basetyhini kufumaniseka ukuba kukhona umrhanelwa amaziyo, baze abarhanelwa bathabatha isigqibo sokubabulala ngolona hlobo lumasikizi. Imizimba yamaxhoba yafunyanwa ngamapolisa eK9, inqunqiwe, ze yalahlwa.

Amapolisa athi abamba, ze avalela abarhanelwa abane, owesihlanu waye wanyamalala. Aba barhanelwa babanjwa ngamatyala aquka, ukuphanga, ukuphanga kuxhotyiwe, amatyala amabini okuqweqwedisa, namabini okubulala, kwanokuba nompu neembumbulu ngokungekho semthethweni.

UZoleka Gantana (57) owayengumnini venkile, kunye nomncedisi wakhe uKholosa Mpunga (27).

UMkomishinala wamaPolisa kwiPhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uncome umsebenzi omhle neenzame ezithe zenziwa ngabecuphi ukubamba nokuvalela abarhanelwa.

NgoLwesibini kwiveki ephelileyo, abarhanelwa abathathu, uMandla Qosho (46), uSiyanda Makaleni (45), kunye noSgagela Mgwatyu (53) balivumile tyala kwinkundla ephakamileyo yaseMakhanda, eRhini.

UQosho ugwetywe ubomi entolongweni, uMakaleni ugwetywe iminyaka eyi-15, ze uMgwatyu wagetywa iminyaka eyi-20 ngamatyala ababekwe wona. Ukanti uThemba Dingela (50) uthe akanatyala, ze ityala lakhe lamiselwa umhla we-16 kwinyanga ezayo uTshazimpuzi.

ULieutenant General Mene uphawule ngesenzo esingenalusini esenziwe ngabarhanelwa, watsho esithi sibonakalisa intswelabulungisa nethe yashiya usapho lwamaxhoba luphazamisekile sesi senzo sobundlobongela singenangqiqo.

“Izenzo zolwaphulo-mthetho ezilolu hlobo azipheleli ekubeni sisikhumbuzo esicacileyo sezenzo zobumnyama ezikhoyo ekuhlaleni, koko zikwahlaba ikhwelo kuthi sonke ukuba sime kunye ukulwa imikhwa elolu hlobo.

“Simile, kwaye asigungqi ekuzibopheleleni kwethu ukukhusela uluntu, nokuqinisekisa ukuba abenzi bolwaphulo-mthetho olumanyumnyezi ngolu hlobo bagwetywa ngokukhawuleza.

“Kumele sisibenzisane sisonke ulukwa ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini, nabantwana, ukuze siqinisekise iindawo abahlala kuzo kulapho ubani aziva ekhuselekile kwaye enexabiso,” wongeze ngelo uLieutenant General Mene.