Maziqine ezemidlalo ezikolweni

Abantwana abangamakhwenkwe bonwabile bedlala ibhola ekhatywayo. UMFANEKISO: Ayanda Ndamane/African News Agency(ANA)

Imidlalo ezikolweni ibaluleke kakhulu kuba idlala indima enkulu ukuphucula imeko yentlalo kwanokukhula kwabantwana nemidlalo ngokubanzi.

Kwantlandlolo imidlalo ezikolweni yayisetyenziswa ukumanyanisa abantwana abangoontanga nabadala kubo.

Imidlalo ezikolweni incedisa ngamandla kumaphulo okulwa ulwaphulo mthetho nokusetyenziswa kweziyobisi.

Xa ukhangela izinga lolwaphulo mthetho entlalweni ubona ngaphandle kwamathandabuzo ukuba imidlalo ezikolweni ayisenzeki ngendlela.

Ukunyuka kwezinga lokusetyenziswa kweziyobisi ngabantu abatsha kungenxa yokuhla kwezinga lemidlalo ezikolweni.

Imidlalo ezikolweni incedisa ngokuba iphumela ezilalini abahlala kuzo abantu abatsha, batsho abantu bathandane, bahloniphane bekwaphuhla ngaxeshanye. Ininzi inzuzo yemidlalo yasezikolweni emntwini, emzimbeni nakwimpilo yakhe ngokubanzi.

Ngenxa yemidlalo yasezikolweni abantu abatsha bahlala bezilolonga oko kwenze ukuba imizimba yabo ihlale isempilweni efanelekileyo. Impilo eyiyo ebangelwa kukuzilolonga yenza ukuba baqhube kakuhle kwizifundo zabo.

Luninzi uxinzelelo abadibana nalo abantu abatsha emakhaya nakwintlalo, ukuvuselelwa kwemidlalo kungabancedisa ukulwa iingxaki zabo.

Amaqela emidlalo eyahlukeneyo kuzwelonke kumele ukuba afumana abadlali abaphuma kwimidlalo yasezikolweni.

Abadlali abasezikolweni bamele ukuba babe badlala kumaqela asezilalini okanye ezilokishini ukuze bakwazi ukuqatshelwa ngamaqela amakhulu.

Xa kunokudityaniswa umsebenzi wemidlalo yasezikolweni kwakunye namaqela asezilalini oku kungenza ukuba amaqela kazwelonke aqhube kakuhle.

Kukho imibutho yezemidlalo eyahlukeneyo edlala indima yayo kumanqanaba aphezulu, aphakathi nasezantsi.

Xa ukhangele iqela lamaBhokobhoko ufumanisa ukuba lidlale itumente yombhoxo kwihlabathi ngabadlali abasele bekhulile.

Izikolo kumele ukuba zikhuphe abadlali abathi bakwazi ukukhula bangene kula maqela afana naBafana Bafana kwakunye namaBhokobhoko.

Ukungabikho kwemidlalo eqinileyo ezikolweni kwenza ukuba abantu beentlanga ezithile ibengabo kuphela abafaka abadlali kumaqela amakhulu kweli.

Ikhona kodwa ayiqinanga yona imidlalo ezikolweni, oku kwenza ukuba amaqela kazwelonke axhomekeke kumaqela amakhulu akwezemidlalo.

Kumele ukuba imibutho efana neSAFA inenkqubo ecacileyo yokukhuliswa kwabantwana ezikolweni ukuze balungele ukudlala kwiBafana Bafana.

AmaBhokobhoko ngokunjalo nawo kumele ukuba asebenzisane nazo zonke izikolo ezikweli, kungakhethwa izikolo zasedolophini.

Nakwezodolophu kukhethwa izikolo eziphucukileyo ezinezixhobo nezinye izinto kushiywa ngaphandle izikolo ebezinokwenza umahluko.

Ngenxa yokusilela kwemidlalo yasezikolweni baninzi abantwana abashiyeka ngasemva bengalifumani ithuba lokudlala kumaqela amakhulu afana namaBhokobhoko, Bafana Bafana, Proteas namanye amakhulu.