Bayatsha ngumona!

“Batshiselana iivenkile bodwa abemi belizwe laseSomalia apha eDimbaza, kuba bayamonelana. Ivenkile uMzantsi Supermarket esecaleni kwale itshileyo ikhe yazanywa ukutshiswa nayo.”

Oku kuthethwe nguNotiti Macithi ongusomashishini kudederhu leevenkile eDimbaza emva kokuba kutshe ivenkile kaYusuf Ali Waare yaluthuthu ngempelaveki.

Ingxelo ithi le venkile ibiyeyona inkulu kwiivenkile ezikolu dederhu; ithengisela abanye oosomashishini, uninzi labo ingamadoda aphuma eSomalia.

“Kwalapha phakathi kwabo kukho iqela labo banomona xa bebona abanye bephumelela bathenge abantwana ukuba batshise ivenkile yalowo uqhuba kakuhle, thina sihlelisene nabo kakuhle kuba bayazama kakhulu,” utsho uMacithi.

Le venkile itshileyo ikudederhu leevenkile olwakhiwa ngexesha lorhulumente welizwe laseCiskei. Inkokeli yasekuhlaleni uAubrey Ntusi uchaza akwaziyo ngesisiganeko.

“Ezi venkile zakhiwe ubuninzi bazo apha phaya ngo1981 ngexesha lorhulumente kaLennox Sebe, esikuvileyo kukuba kuvuke umlilo abanikazi bevenkile bengaphakathi, uvela kanye apha emnyango ungena ngaphakathi evenkileni, bancedwe kukuba bade bafowunele omnye wabo obengaphandle ukuze bakwazi ukuphuma. Yatsha yonke into ibingaphakathi,” utsho uNtusi.

UWaare uthi ininzi kakhulu imali emlahlekeleyo ngenxa yokutsha kwale venkile. “Ingaphezu kwezigidi ezithathu imali elahleke apha! Le yiSupermarket ethengisela zonke iivenkile zalapha eDimbaza, kukho neemoto ezintathu ezitshileyo apha,” utshilo uWaare.

Unyana womnikazi wesakhiwo sevenkile uMakhwenkwandile Booysen uthi uncokole nalamadoda kanye ngalo mcimbi wokutshiselana iivenkile.

“Ndimbuzile umfo ekuthwa nguBashir apha ngale nto, impendulo yakhe kum ithe akanakuyiphikisa into yokuba batshiselana iivenkile kwabodwa bengabantu baseSomalia,” uthethe watsho uBooysen.

Ukanti uWaare usixelele ukuba unyanzeleke ukuba angene esibhedlele ngenxa yokulahlekelwa kwakhe yimali engaka.

“Xa uthelekisa ixabiso lezinto ebezilapha evenkileni nexabiso lezi moto iyonke le nto iyaya phaya kwizigidi ezithandathu, andiphilanga konke konke yile meko. Ndiqeshe abantu baseSomalia abathathu nomntu omnye walapha eMzantsi Afrika, abo bantu bazakulahlekelwa ngumsebenzi,” ucacise watsho uWaare.

“Iyinyani yona le yokuba ngoku sihlaselana sodwa ngenxa yomona, abanye kuthi abafuni kubona omnye ekhula, kodwa asingabo bonke abantu base Somalia abenza le nto, ngabantu abambalwa abangafuni kuzisebenzela nje ngokuba sisenza thina,” utsho uWaare.

Iziganeko zokuhlaselwa kweevenkile zamaSomalia zigqibele kunyaka ophelileyo ingakumbi kwingingqi yaseBhayi nalapho abahlali bebehlasela ezi venkile.

Othethe egameni lamapolisa aseQonce uKapteni Siphokazi Mawisa uthe: “Kubekho iziganeko eziliqela zokuhlaselwa kweevenkile kula ngingqi kwezinyanga zimbalwa zigqithileyo, nakwesi isiganeko singaqinisekisa ukuba likhona ityala lokwenzakaliswa kwesakhiwo elivuliweyo emapoliseni.”

UMawisa uthe kwezinye zeziganeko zokutshiswa kweevenkile sele bebambe indoda eminyaka engamashumi amabini ananye.

siyabulela.mqikela@inl.co.za