Bubuyiselwe ubulungu buka De lille kwiDA

EKAPA: USODOLOPHU waseKapa, uPatricia de Lille, ubuyiselwe njengelungu leDA yinkundla ephakamileyo namhlanje. Nangona kunjalo, iDA ifunga imunc’intupha isithi izakubhenela kwinkundla yezibheno – icele umngeni.

Lo nto ithethe ukuba ukubhiyoza kwakhe kungalithutyana. IDA yakhupha uDe Lille njengelungu lalo mbutho emva kokuba wabhengeza ukuba uzakubeka phantsi iintambo emva kokuba ehlambe igama lakhe kwizityholo atyabekwa zona.

Wakubhengeza oku kudliwanondlebe kunomathotholo kwekaTshazimpunzi. Umbutho weDA wasebenzisa ibakala lomgaqo uSection 3.5.1.2 othi umntu uyayeka ukubalilungu xa ebhengeze esidlangalaleni ukuba uzakubeka phantsi iintambo.

Kwangoko uDe Lille wabhenela enkundleni. Ityala lamiselwa umhla we27 ngoLwesithathu.

Inkundla igwebe ngakwicala lakhe. Ubuyiselwe njengelungu leDA. UDe Lille ebeyimele eyokuba wathi uzakubeka phantsi iintambo njengosodolophu, hayi embuthweni.

Umbutho weDA wamgxotha lo kaDe Lille kule nyanga iphelileyo imbeka izityholo zolawulo-gwenxa nokubanecala xa eqesha.

Inkundla igqibe kwelokuba ukuqinisekisa kweDA ukuba uDe Lille uyekile ukubalilungu ngokwelibakala akukho semthehweni yaze yambuyisela njengelungu.

UDe Lille uthe esi sigwebo sivumelana noko ebekade ekumele.

“Ndibulela abantu baseKapa‚ ndibulela nabameli bam‚” utshilo.

“Ayiyo mpumelelo yam ndodwa le. Yimpumelelo yabantu baseKapa bonke ngoba ndinamandla kakhulu kunakuqala wokubasebenzela ingakumbi abo bacinezelweyo.”

Kodwa usekela sihlalo wequmrhu elilawulayo kwiDA uNatasha Mazzone uthe: “Andicingi ukuba ubudlelwane bungalungiswa.”

“Ulilungu (De Lille) lombutho elizakujongana nequmrhu lokolula izimilo. Iqumrhu elijongene noko lizakuhlala ngokukhawuleza ukuze kubekwe usuku.”

UMazzone ugxininisile ukuba bazakucela umngeni malunga nesisigwebo senkundla.

“Amagqwetha wethu azakujonga amaphepha ze acebise umbutho. Oko kuzakwenziwa ngokukhawuleza,” utshilo.