Esuzile engasuzanga, kubo yinkokheli

Kulo mbandela wesikhokelo sikaMphathiswa wezeMpilo ephondweni uSindiswa Gomba kubonakala izinto ezimbini futhi ezicace gca.

Eyokuqala ngabo baxhasa ngokungagungqiyo lo kaGomba nezo ziphene zakhe. Kuphinde kubekho abo bathi makehle esikhundleni.

Amakhwelo wokuba uGomba makehle esikhundleni ebeqale kwangethuba kuqala ixesha lokuvalwa kweentshukumo elizweni (Lockdown). Bekusithiwa makehle kuba ebenzeni? Wenzeni uGomba?

Ngethuba kuqala amakhwelo wokuba makehle, izizathu bezingacacanga ncakasana. Abanye bebesithi akanamvelaphi yabugqirha okanye umongikazi, abanye bebesithi unamachaphaza angamahlanga kwisikhokelo, bebalula isehlo sakhe apho wayetyholwa ngokubetha inkosikazi ithile ngehamile.

Abanye bebephakamisa umbandela webholo lokubiwa kwemali yomngcwabo kaNelson Mandela apho lo kaGomba, ekunye nezinye iinkokheli wayebandakanyeka kwelo tyala elaphetha sele licinyiwe ngenxa yobuyekeyeke bobungqina.

Okwenzekileyo emva kwala makhwelo, yimpazamo emva kwenye kulo kaGomba. Ukusuka ku “Andidikwe” ukuya kwisankxwe somsuzo.

Kodwa ingaba sikhe sizibuze ukuba lo kaGomba uqhuba njani kwiincwadi zeNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane? UMabuyane akabonakali njengomntu ongonelisekiyo nguGomba. Mhlawumbi phambi kwamehlo wethu?

Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa nyakenye kwiintsukwana emva kokuchongwa kwakhe, uGomba wathi: “…akukwazeki ukuba ndingaphoswa emnqamlezweni kucingwe ukuba ndakuzifeza ngeminyaka emihlanu iingxaki zezempilo. Kodwa ndicinga ukuba xa sinokuze sifeze idabi lokuthintelwa kwezifo, singakwimo entle kakhulu siliphondo.”

Xa esitsho ke, ingaba ugxekwa kuba enzeni lo kaGomba?

Umbhali, igcisa nengqiqi yaseMelika uElbert Hubbard (1856-1915), uthi xa ethetha: “Eyona mpazamo inkulu ongayenza ebomini kukuqhubeka noloyiko lokuba uza kwenza impazamo.”