Iimvumi zegospile ziza kuwongwa kuGatyane!

UMBONO kaLakhe Mketshane enowakwakhe uSine Mketshane, nguwo oza kubangela ukuba uninzi lwabathandi bomculo wegospile babuthelane eWillowvale Indoor Sport Centre ekupheleni kwenyanga ezayo.

Kaloku ngalo mhla we-29 kuTshazimpuzi 2017, iimvumi zomculo wegospile eziphuma mbombo zone kuquka nabathandi bolu hlobo lomculo, bazakube bezimase amawonga abizwa i-Ihlumelo Gospel Awards azakube esindlekwe kwidolophana yakuGatyana.

Lo ngumbono wesi sibini sakwaMketshane neenjongo zabo ikukuphuhlisa iimvumi ezisakhulayo kumculo wevangeli.

I’solezwe libambe uNksk. Lakhe Mketshane ngomnxeba, waze wancokola ngentsukaphi yeHlumelo Gospel Awards.

“Iphupha lethu yayi kukukhulisa iimvumi ezisakhulayo, ezo zidumisa ezitalatweni ukuze nazo zingcamle kumaqonga amakhulu,” utshilo uMketshane.

La mawonga angena kunyaka wesithathu kungoku nje, aqale ngeyoMdumba ku2015, nalapho ayesaziwa njengeMnquma Gospel Awards.

“IMnquma Gospel Awards yayikhangele italente ekummandla waseGcuwa nakwezinye iindawo zeMpuma Koloni.

“Sathi sakube sifumene iimbalelwano zokungenela kumacala aliqela, sabona ukuba masilitshintshe igama ukuze liquke wonke ubani – livele apho igama iHlumelo Gospel Awards,” utshilo.

La mawonga aquka amabakala amatsha afana ne-Best Church Worshipers, Best Keyboard Players kwakunye neBest Isintente Worshiper (Isintente libakala labo badumisa kwiintente).

UMketshane uthi ngalo mhla we-29 kuTshazimpuzi izakuba kokokuqala bebamba lo msitho phantsi kwegama iHlumelo kwaye ikokokuqala benabachongwa.

Uthi zonke iimvumi zoMzantsi Afrika zamkelekile ukuba zingenele. Ukwadize nokuba kuyenzeka nangona kungelula nje.

“Imingeni yona ikhona kodwa siyathubeleza phantsi kwayo. Simatasa-tasa sikhangela abaxhasi (sponsors) ingakumbi abanoku sithengela iindondo.”

UMketshane ubulele kwabo banesandla ekukhuliseni la mawonga, watsho ebalula iBhekuhlanga Nxusani Funeral Services yaseGcuwa nexhasa ngezimali, wabalula neMaxi’s Restaurant eseFingo Mall kula dolophu.

Abachongiweyo kulo nyaka zimvumi eziphuma kuwo onke amaphondo nezifana noNoli Fumba, Sophie Ngcele, Ringo Mabhengu, Siya Ntsakaza, Silver Stars, Khuzulwandle waseMpumalanga, Vusi Dlamini nabanye.

Aba sele siba balule bacula iintlobo ngeentlobo zegospile eziquka iTraditional Gospel, Gospel Poetry, Maskandi, Hip Hop njalo njalo.

Amatikiti afumaneka eMaxi’s Restaurant naseComputicket. Axabisa iR20, R50 kunye ne-R100 iVIP.

simphiwe.freddie@inl.co.za