Iincwadi eziya kuMhleli

Simema bonke abantu abanolwazi sisehlo sokubulawa kwabantu abasibhozo eKhayelitsha kwiveki ephelileyo ukuba beze ngaphambili. Singamakholwa sikugxeka kanabom ukuchitheka kwemiphefumlo ngendlela enje.

Kuyavakala ukuba intsusa yalobhubhane inento yokwenza nobutsotsi nhoko sicela amapolisa enze uphando ngokukhawuleza.

Intsokolo nendlela abantu bethu abaphilayo ngayo ezilokishini ezifana noKhayelitsha , Mdantsane, Kwazakhele ayithandeki kuba sivuka ngezithoinga zemipu mihla le. Okunye ukubangela oku kukuba inkonzo yesipolisa i-ethe-ethe kakhulu, uthi sele uwanika umkhondo amapolisa asuke engenzi nto tu ngalonto.

-Sipho Gedze e Bhofolo