Iintatheli zeDispatch: ‘Sisebenza esihogweni’

Iintatheli zephephandaba iDaily Dispatch eMonti zingenele ugwayimbo ngentsasa yangoMvulo, befuna umqeshi wabo iTiso Blackstar Group ukuba asombulule izikhalazo zabo ngemirholo kwanempathombi UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

IINTATHELI zephephandaba iDaily Dispatch eMonti zikuchaze kwayintlungu ukuphathwa kakubi ngumqeshi wazo, iTiso Blackstar Group, zisithi ukusebenzela le nkampani kufana nqwa nesihogo kuba akukhathalelwanga mvakalelo yamntu.

Kule veki iintatheli zaseTiso Blackstar, kuquka noogxa bazo beSowetan eRhawutini, bangenele ugwayimbo besithi bafuna kupheliswe ukucalulwa kwabantu ngenxa yebala kule nkampani.

Ezi ntatheli zikhalazela ukungahlawulwa bhonasi iminyaka emihlanu, ukungonyuselwa mivuzo kulo nyaka kwanokungalingani kwemivuzo phakathi kweentatheli ezimnyama nezo zimhlophe.

Ukugwayimba kwabo kuqhokre kakhulu imveliso yeDispatch, nanjengoko iphephandaba langoLwesibini belithundeza ubhityo kuxonyezelelwe umtyangampo weendaba ezingenanto yakwenza nendawo elithengiswa kuyo eli phephandaba.

KwiDaily Dispatch eBeacon Bay, ngoMvulo nangoLwesibini, iintatheli kwanoogxa bazo abafana nabafoti kwanabakhwezeli, beziphethe amaphekepheke, idolo liphezulu isitsho ingoma.

Amanye wala maphekepheke, xa etolikwa ngesiXhosa, afundeka ngolu hlobo, “Kukwahele eTiso”, “Kudala sibika amabali wabanye abantu, ngoku lixesha lokuba sibike awethu”, “Amandongomane yinto yeenkawu”, “Hlonipha iintatheli zethu”.

Intatheli esingenakuyichaza ngegama ithe: “Into esiyifunayo kukuhlawulwa ngendlela eyonelisayo umsebenzi esiwenzileyo. Sincama iintsapho zethu sisebenzela iDaily Dispatch, kodwa akukho mbuyekezo yokusikhuthaza.”

“Abanye kwiintsapho zethu bade bangaqondwa naxa besithi abanamali, kucingwe ukuba bayaxoka xa besithi abanamali. Andikhathalelanga nokuba bangandigxotha mna, kuba ndilwela amalungelo oluntu,” kutsho le ntatheli.

Enye intatheli ithe: “Kukho abantu abamhlophe apha enkampanini abarhola ukodlula oogxa babo abamnyama, ube umsebenzi omninzi usenziwa sithi zintatheli ezimnyama.”

Uqhankqalazo lwangoLwesibini lungenelelwe nangamalungu wamaKomanisi aseMpuma Koloni.

Imanyano yezi ntatheli zingenele ugwayimbo i-Information Communication Technology Union (ICTU), ityhola iTiso Blackstar ngokungaxabisi amalungelo wabasebenzi bayo.

“Abakhathali abaphathi beTiso Blackstar, bathi nokuba bangahamba abo bangenele ugwayimbo. Bathi intatheli yinto echolwa esitalatweni,” kutsho uMongameli we-ICTU uMoeketse Lepheana.

Kodwa uSekela Mlawuli kwiTiso Blackstar uMoshoeshoe Monare ukuphikile oku esithi: “ULepheana yindalo yakhe ukubaxa izinto. Ngabasebenzi bethu aba, hayi nje amalungu akhe, asoze sithethe into enjalo ngabo. Ukuba uthi kukho umanejala okanye igosa elithethe lo nto, makeze nobungqina.”

UMonare uthi abo bangenele ugwayimbo bagwayimbele ibhonasi, hayi ezinye zezinto eziphakanyiswe ngethuba logwayimbo, watsho esithi kusemdleni wabo wokuba izinto zisombululeke.

“Abantu xa bekugwayimbo baphakamisa izinto ezininzi. Ngokolwazi lwethu nangokwesetifikethi seCCMA ugwayimbo lumalunga nebhonasi, kwaye sifuna ukuyibethelela eyokuba aziyo nyani iingxelo zokuba iTiso Blackstar ayiyihlawuli ibhonasi.

“Ibhonasi asiyihlawuli nje kuphela, kukho izinto ezilandelwayo phambi kokuba siyihlawule kwaye ndingaqinisekisa ukuba bakhona abantu abakhe bayifumana ibhonasi eTiso kunyaka ophelileyo emva kokulandela le miqathango,” utshilo uMonare.