Imibutho emincinci kweli izimanye ne DA

Umbutho we
EFF ufikelele kwisigqibo sokuxhasa umbutho we Democratic Alliance eNelson Mandela Bay, Rhawutini, ekuRhuleni nase Tshwane.
Oku kudizwe ngumongameli walombutho uJuluis Malema ngethuba ebethetha namajelo
endaba eAlexander. ”EKZN sixhase I IFP eRusternberg sixhase umbutho wabahlali
olwela ukugqithiswa kwenkonzo, oku kusemva kokuba sithathe isigqibo sokuba
asifuni zikhundla kuyo yonke lento sizakuyivotela lemibutho,”uthethe oko
uMalema.

 Oku kwenze
ukuba kusombuluke kuphele ukuqaqaditsha kubantu beli malunga neyona nto
izakwenzeka kulawulo lomasipala abaphambili eMzantsi Afrika. “Sijongene
nenkuntsela ezimbini apha kodwa kufuneke ukuba sikhethe eyona kuntsela ingcono
kunenye ukuze kusetyenzwe,kuba asinakukwazi ukuba sibe ngokhwele ecingweni kuyo
yonke lento,”utsho uMalema.Umongameli we Cope uMousia Lekota uthi lentsebenziswano izakuvula amathuba okumiselwa korhulumente ongqongqo kweli.

 Ukanti
inkokheli yombutho we DA uMusi Maimane kwelinye icala  usungule urhulumente wentsebenziswano kunye
nemibutho emincinci equka iFreedom Front Plus,Congress of the People,United
Democratic Movement kunye ne African Christian Democratic Party. ”Akukho
sivumelwano sifikelele kuso nombutho we EFF kuphela baqinisekise ukuba baza
kusivotela basixhase ngevoti yabo kuphela,”utsho uMaimane. Inkokheli yombutho
we Freedom Front-Plus uPeter Mulder kwelakhe icala uthi akuyompazamo ukuzimanya
kobu budlelane. ”Sikulungele ukungena kwesisivumelwano nge njongo zokuba kuzuze
abantu belilizwe ngobuninzi babo,”uthethe watsho uMulder.I ACDP yona inethemba
lokuba ubuqhopholo buzakusitshulwa nengcambu ngenxa yalentsebenziswano.