Ingena elulawulweni eNelson Mandela Bay iDA

Inkokeli yeDA uAthol Trollip uthi ukulungele ukungena kwisihlalo sokuba ngusodolophu eNelson Mandela Bay UMFANEKISO: MICHAEL PINYANA

SELE kuqinisekisiwe. Ulawulo lomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay luza kubaphantsi kweDA. Oku kuza emva kokuba iDA ithe yafikilela kwisigqibo sokwenza urhulumente wenkazathi neUDM, ACDP neCope eNelson Mandela Bay.

Le nkazathi iyenza iDA ibe yeyona enesininzi eNelson Mandela Bay. Ngethuba lovoto loomasipala, iDA ifumene malunga nezihlalo ezingamashumi amahlanu anesixhenxe (57) kulo masipala. Ukuze ilawule umasipala waseNelson Mandela Bay iDA bekufuneka ifumane izihlalo ezingamashumi amathandathu ananye (61).

Ngokwenza inkazathi neUDM (enezihlalo ezibini), iACDP (enesihlalo esinye) kwakunye neCope (enesihlalo esinye), oku kuthetha ukuba iDA izakuba nesininzi eNelson Mandela Bay.

Inkokeli yeDA eMpuma Koloni uAthol Trollip, ongumgqatswa wobusodolophu eNelson Mandela Bay, uthe: “Sijonge phambili ekwenzeni urhulumente ozakusebenzela uluntu kulo masipala.”

Indibano yebhunga yokuqala eNelson Mandela Bay izakubanjelwa kwiholo yesixeko yaseBhayi ngoLwesine (umhla weshumi elinesibhozo kule nyanga).