Ingaba imfundo sisitshixo sobukhoboka?

Ulutsha olungaphangeliyo kwanabaqheliswa (interns) bebambe umngcelele eBhisho Umfanekiso: Sithandiwe Velaphi

Izithwalandwe zaseMpuma Koloni nezingabasebenzi bethutyana (interns) beziphume iphulo eBhisho zijongise kwindlu yeNkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane ngeenjongo zokukhalela intswelangqesho nokufumana impendulo ngesikhalo sabo.

UThabo Ntsani ongunobhala jikelele wephulo le-It Affects Us All ejongene nayo yonke imicelimngeni engqonge olu lutsha uthe, “Inkulumbuso yephondo ayisikhathalelanga kwaye ayinanimba, kudala sikhala ngokuba mayiqinise isandla ilwe intswelangqesho kulutsha lweli phondo kodwa ayivakalelwa.”

Esi sihlwele sithi kudala singenisa iimbalelwano eziqulethe izikhalazo zabo kodwa abakafumani mpendulo ibambekayo kwaye badiniwe kukulinda.

Bathi xa sele kufikelelwa kwiingxoxo zentswelangqesho kweli phondo, maninzi amacebo ekuziwa nawo ngaphambili kwakunye nemali eye ibekwe bucala, kodwa inqabile into yokuba kubonakale iziphumo.

Nangaphezu koko, aba basebenzi bethutyana bazibona bexhatshazwa ngokuba basetyenziswe iminyaka emibini bebhatalwa imali encinci, bakugqiba bangaqeshwa.

“Sidiniwe yimisebenzi yethutyana, xa isivumelwano siphelile kulindelwe ukuba sibheke phi? Urhulumente wethu akasibeki phambili silulutsha kodwa imali ikhona,” utshilo uSive Mayedwa.

Lo mngcelele uquka abo baxhasa iintsapho zabo. UChuma Nkwali uthi waqala ngonyaka ka2015 ukuba ngumsebenzi wethutyana kodwa kunangoku umsebenzi obambekayo akakawazi.

“Akukho lula ngoba imali esiyifumanayo incinci, mna kufuneka ndibhatale imali yendawo yokuhlala kwakunye neyokukhwela, ndiphinde ndenze izidingo zam eziquka ukuthumela imali ekhaya. Kunzima nokukhuthaza umntwana okhulayo ukuba makafunde ngoba kunzima kwakuthi thina bafundileyo.”

UBaphelele Mhlaba ophethe abasebenzi kwiOfisi yeNkulumbuso, uye wathetha naba bantu esithi lo ngumba ekujongenwe nawo, kwaye le iofisi isebenzisana namanye amasebe ukuqokelela iingxelo eziqulethe izinto eziza kukhawulelana nale nyewe, uye wathi impendulo ephangaleleyo iza kulandela emva kweentsuku ezisixhenxe.