Inqununu ingombe umfundi yamgxotha!

Umfundi wesikolo samabanga aphezulu, iZingqayi Senior Secondary School kwilali yaseZingqayi eGcuwa, uYanelisa Ncasana (21) uneentsuku ezintlanu engasayi esikolweni emva kokuba egxothwe yinqununu yesikolo ngenxa yokuba engakhange aye esikolweni ngoMvulo, umhla wamashumi amabini ananye kule nyanga.

UNcasana owenza ibanga leshumi khange akwazi ukuphumelela ngoMvulo esikolweni kwiveki ephelileyo ngenxa yokuba ebeyokukhupha izinyo ebelimqaqambela esibhedlele.

Uye wabuya nephepha likagqirha elinobungqina obuchaza ukuba kutheni ebengezanga esikolweni ngoMvulo, kodwa sekunjalo abazali bakhe batyhola ngelithi inqununu yesikolo imbethe imivumba elishumi elinesixhenxe esandleni emva koko yamgxotha esikolweni yathi abuye xa kubhalwa iimviwo zokuphela konyaka.

ULindile Ncasana othethela ikhaya, uthi umama wakhe uyile uyokucenga inqununu ngosuku olulandelayo ukuba ibuyisele umntwana esikolweni kodwa yala. “Emva kokuba umama ecenge inqununu yesikolo ayavuma, nam ndiyile ndazama ukucenga kodwa akwalunga nto,” uqhube watsho.

Uthi uye wadlulela kwisithili sesebe lezemfundo eGcuwa uyokuchaza okwenzekileyo nalapho kuthiwe makalinde uzakudityaniswa nomhloli esiphantsi kwakhe isikolo. “Ndithenjiswe ukuba ndizakudityaniswa nomhloli wesikolo iZingqayi S.S.S ukuze kukhangelwe indlela yokubuyiselwa kukaYanelisa esikolweni, ke ngoku ndisalindile,” wongeze watsho.

Usapho lakwaNcasana luthi liza kuyithathela amanyathelo le nqununu ngokuvula ityala lokubetha emapoliseni kwakunye nelo lokugxotha umntwana esikolweni.

Emveni kokuba simamele ezi zityholo sitsalele umnxeba le nqununu ityholwayo ngeenjongo zokuba iziphendulele, kodwa ikhethe ukuvala imfono-mfono xa isiva siyibuza ngomcimbi wokubetha umfundi, ingaphendulanga.

Siphinde sayitsalela umnxeba amatyeli angapha kwesithathu kodwa ayayiphendula imfono-mfono yayo.

Siye saqhagamshelana nesebe lezemfundo ephondweni ngeenjongo zokuva ukuba linalo na ulwazi lokuba kukho umfundi obethiweyo kwisikolo eso kwiveki ephelileyo.

Isithethi sesebe lezemfundo uMalibongwe Mtima, uthe abanalwazi ngokubethwa komfundi kwaye wacebisa ngelithi usapho lakwaNcasana malidlulisele lo mcimbi kwisithile sesebe lezemfundo eGcuwa.

UMtima uthi akukho namnye umfundisi-ntsapho onelungelo lokubetha nokugxotha umfundi. “Xa abantwana besesikolweni sibathatha ngokuba bahleli nabazali, kwaye yapheliswa kudala nento yokubethwa kwabafundi,” utshilo uMtima.

Uthi uYanelisa unelungelo lokuvula ityala emapoliseni, kuba yapheliswa kudala into yokubethwa kwabafundi. Ibhodi elawula isikolo ikhwebe indibano kunye namacala omabini.