Isisombululo kumkhwa wokubiwa kwemfuyo ezilalini

Kwindibano ebintsukumbini eWSU eMthatha yesebe lesiPolisa ukuza nesisombululo kumba wokubiwa kwemfuyo. UMFANEKISO: SAPS

Umba wokubiwa kwemfuyo ezilalini noye waqatsele mva nje ibeyeyona nto iphambili kwindibano yeSebe lesiPolisa ebintsukumbini nebibanjelwe eWSU eMthatha kwi mpela veki ephelileyo.

Ngokwengxelo ephuma kuWarrant Officer Majola Nkohli, uthi le ndibano injongo ibikukuza nesisombululo kulomkhwa wonyuka umhla nezolo wokubiwa kwemfuyo. UMajola uthi le ndibano ibingokubiwa kwemfuyo kuphela.

UPetrus Sitho ophuma kwi Ofisi yoMphathiswa kuzwelonke uthe, “Kule ndibano sikwazile ukuza nazo ezona ngxaki nemingeni ejongene noluntu ezilalini, ngoku siyayazi into bekufanele siyenze umzekelo izisombululo ezizakukhusela uluntu kwaneefama.”

ULieutenant General Nomthetheli Mene ekwindibano yesiPolisa eWSU eMthatha ebimalunga nokuza nezisombululo zokunqanda ukubiwa kwemfuyo. UMFANEKISO: SAPS

UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene kwintetha yakhe woleke oku, “Kufuneka siqinise intsebenziswano nobudlelwane.

“I-SAPS ayisoze isebenze yodwa, ukuba sifuna ukunqoba oku makusetyenziswane ukuze soyise olutshaba.”