Isitalato sokufa

Igama lesitalato esingena eMbobeni eGcuwa yiZithulele, kodwa indlela ekutshatywa ngayo kwesi sitalato kwenza ubani abuze ukuba kuphi okukuthula.
Baphelile abantu kwesi sitalato, esikwindawo ekwabizwa njengeZithulele. Yimpalalo-gazi rhoqo ngeempelaveki ngakumbi ngexesha lentseni, bambi bayabhubha bambi basala beziingxwelerha.
Kwesi sitalato kukho izikroxo zentselo (tavern) ezimbini – KwaKiro naseDrop Inn.
Ngeentsasa zeempelaveki eZithulele, ukuba awubonanga sidumbu, ubona igazi. Abantu abonwaba kwezi ndawo bakholelwa ukuba rhoqo ngempelaveki kukho isiganeko esenzekayo kule ndawo.
Indawo yentselo yaKwaKiro igcwala ulutsha laseGcuwa, kuCentane naseNgqamakhwe. Into etsala abantu kule ndawo ngooDJ abaphum’ izandla kwanokuba ivula bonke ubusuku.
Kwimpelaveki esiphuma kuyo kubhubhe abafana ababini, onamashumi amabini anesine (24) nonamashumi amabini anesithoba ubudala (29) ngaxeshanye emva kokudutyulwa yindoda emanashumi amane eminyaka ubudala. Ixhoba lesithathu liye lonzakala, lisalaliswe kwisibhedlele saseMonti.
Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi esisibini sibhubhele KwaKiro emva kwengxabano emalunga nemoto.
“Umrhanelwa ufune ukuba amaxhoba asuse imoto endleleni kuba efuna ukudlula ngeyakhe imoto. Ekuxoxisaneni kwabo umrhanelwa ukhuphe umpu wadubula la maxhoba omabini abhubha kwangoko, owesithathu wabalekiselwa kwisibhedlele saseMonti njengoko ebekwimeko ebimbi kakhulu,” utshilo uManatha.
Ngaphandle kwale ngxabano yemoto, kusaphandwa oyena nobangela wokudutyulwa kwababafana.
Obekhona ngethuba kusenzeka esisiganeko uthi bave ngezithonga zompu. “Emva koko kuye kwakhala abantwana abangamantombazana besoyika. Besothuke kakhulu, sisoyika nokuyokukroba,” utshilo obekhona.
UManatha udize ukuba umpu osetyenziswe ngumrhanelwa unempepha-mvume, kwaye umniniwo uzinikeze emapoliseni, nalapho azakujongana namatyala amabini okubulala, nelokuzama ukubulala.
Osela KwaKiro, phantse zonke iimpelaveki, uthi imbi into eqhubeka kwesi sitalato. 
“Xa uKwaKiro, kufuneka uzijonge. Kungcono uvele ulale ngaphakathi xa ushushu, kuba abona bantu bakhuthuzwayo nababulawayo ngaba bavele bahambe nje nanjani.
“Siyingozi esisitalato saseMbobeni kuba sigcwala ootsotsi abajonge abantu abaphuma KwaKiro,” itshilo le ndoda. Igxeke amapolisa aseGcuwa ngokusilela ukukhusela abantu kule ndawo.
Ukanti umnikazi wendawo yentselo iDrop Inn uCraig Hulley uzikhabela kude kwishishini lakhe, esithi indawo yakhe yentselo ivala ngentsimbi yeshumi elinesibini njengoko sisistsho isivumelwano sempepha zakhe.
“Ezizehlo zenzeka ekuzeni kusa sele bemke bonke apha kum. Andichaphazeleki ncam ngoko ke andikwazi nokuba mandihlomle,” udize oko uHulley. 
Nomnikazi wendawo yentselo kwaKiro uMzolisi Mtiya uyala uthi ngabantu akholelwa ukuba zube sebegoduka.
“Ndicinga ukuba ngabantu asele begoduka okanye abaziselela ngaphandle kuba nam ndiyavala ngentsimbi yeshumi elinesibini ebusuku. Kodwa noxa kunjalo nam oku kuyandixhalabisa kwishishini lam,” utshilo uMtiya.
Ukanti lona uluntu esincokole nalo obelungaphandle kwale ndawo ngethuba sityelele bathe basela kuse KwaKiro.