Izicelela ivoti intombi nto yesizwe samaXhosa

UInako Mateza okumagqibela kankqoyi kaMiss Indoni Cultural South Africa kwakunye noHlelokuhle Bikitsha nabamele isizwe samaXhosa.

UInako Mateza okumagqibela kankqoyi kaMiss Indoni Cultural South Africa, xa uvota ungena kuFacebook wakhe ucofe ilinki, zonke iinkcukacha zipha.

Intwazana yaseDutywa nekusele ilithuba yazibandakanya nephulo lokuhlolwa ubuntombi bayo, uInako Mateza (18), yathi yathatha isigqibo iselula ngokweminyaka ingazange inyanzelwe mntu ekubeni iyakuziphatha kakuhle de kufike ixesha elifanelekileyo nalaziyo yena. Le ntwazana izicelela iivoti kwisizwe samaXhosa njengoko ingenele ukhuphiswano lwe-Indoni My Heritage My Pride (Indoni Miss Cultural South Africa) oluqhuba rhoqo xa kuphela unyaka KwaZulu-Natal.

Kwi-Indoni kudibana zonke iintlanga zeli loMzantsi Afrika nalapho baye bakhuphisane bebonisa ngezithethe nangamasiko ezizwe zabo.

Le ntwazana nengazange yachikwa ndoda imele isizwe samaXhosa, nenokuthi ukuze iphumelele uMiss Indoni Cultural SA ifumane inkxaso yenu ngokuthi nimvotele.

Xa uvota ucofa le linki: https://forms.gle/dPzfZs9URC9XVo7d9 okanye utyelele kuFacebook ka Inako Mateza apho unokuvota lula khona. Iivoti ziyavala ngomhla we16 kwinyanga ezayo uDisemba.

UMateza uthi okumenzela lula angafumani xinzelelo kwiintanga zakhe njengokuba ilizwe sele linje, uthi kungokuba zange anyanzelwe ngesi sigqibo wasithathayo kungoko kulula kwaye esame kuso.

“Ndiyazihlonipha, ndizixabisile kwaye ndiyayazi ukuba yonke into inexesha layo. Kwaye ndibamba ngazo zozibini mawethu, ndibulela ngenkxaso enindinike yona kule minyaka idlulileyo, eneneni nindenza ndiwangqine amazwi athi umntu ngumntu ngabantu kwaye lento ingumntu asinto izibangulayo,” utshilo uMateza.

UMateza ukhwatshwa nguHlelokuhle Bikitsha naye oyokumela isizwe samaXhosa kwicala labafana.

UMateza, ukwanguye nomsunguli wenkampani yakhe i-Inako Foundation, sele kukuninzi asele ekuphumelele kule minyaka akuyo nesingabalula ezimbalwa, ngo2019 wafumana iwonga lokuba yimbongi egqwesileyo yaseMpuma Koloni (Best Eastern Cape Poet), ukuvela kumabonakude ebonga kwanokuvakala kwisikhululo soMhlobo Wenene kwinkqubo yezeMfundo.

Le ntwazana iphumelele uGrade12 eXolilizwe S.S.S eNqadu Great Place kuGatyana, ngoku ungumfundi kwenye yeeDyunivesithi zaseKZN.