Ubomi ejele kwintombi eyabulalisa unina oyititshalakazi!

UNolufefe Jongwana (36), owathenga amadoda amabini uMasixole Darke (28), kwakunye noNtsikayomzi Mpetsheni (36), ekubeni babulale umama wakhe ongunoNomonde Jongwana (54), bagwetywe ubomi ejele yiNkundla yamaTyala yeNgingqi yaseLusikisiki emva kokuba befunyenwe benetyala yiNkundla.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA uLuxolo Tyali ithi, uNomonde wabhaqwa enamanxeba okuhlatywa emzimbeni ngomhla we-12 kuJuni ngo-2019, kwindlu awayegxamesa kuyo kwisiThili iBambisa, eLusikisiki nalapho wayesebenza njengotitshalakazi.

Ngokophando lwamaPolisa ngomhla we-26 kwinyanga ephelileyo uOkthobha 2023, kuye kwabanjwa intombi yomfi uNolufefe, ebanjwa kwilali yakwaFeni eNgqushwa. UTyali uthi, uNolufefe ngethuba ebanjwa kwinyanga ephelileyo ebesele eqalile ukukleyima iimali zikamama wakhe.

Ingxelo iqhuba ithi, abarhanelwa abakhange baphike nto bayichaze injalo indima abayidlalileyo kweli tyala, besithi uNolufefe wabaqasha wabanika imali eyi-R1500 yokukhwela ekubeni baye Lusikisiki bayokubulala umama wakhe.

Bachazile nokuba wabaxelela ukuba ukweyiphi ilali kwaye unjani, nomzi agxamesa kuwo. Abarhanelwa bathi bagqiba ukuba bamhlabe kunokuba bamdubule njengoko kwakuzokuvakala izithonga zompu kubamelwane xa bemdubula.

UNolufefe emva kokuba evile ukuba umsebenzi ugqitywe waxhoma kuFacebook ezenza owothukileyo esithi ufuna uncedo kubanjwe ababulele unina wakhe ngokukhawuleza ngelifuna ukusizelwa.

UTyali uthi, ngethuba kuqhuba ityala esi sithathu siye saliphika ityala. Obambele njengoMtshutshisi weeNkundla eLusikisiki uSiyabonga Macebo, uye waveza ubungqina ngethuba abarhanelwa bebanjwa, baze bathetha okwenzekileyo.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo usincomile esi sigwebo watsho eqhwabela izandla abo bebephethe ityala.