UTsako ushicilela icwecwe lakhe eGuild Theatre

UAndile Tsako ushicilela icwecwe lakhe elitsha ngoMgqibelo eGuild Theatre, eMonti.

Imvumi ebikade ingumncedisi wezinye iimvumi, ibacking vocalist ngolwimi lwasemzini, ishicilela icwewe layo ngoMgqibelo, umhla we-11 kule nyanga, eGuild Theatre, eMonti.

UAndile Tsako noyinzalelwane yaseGqeberha, ukhulele kwikhaya apho umculo iyinto eqhelekileyo. “Ndiqabuke ndiphakathi kwabantu abawuthandayo nabawaziyo umculo. Wonke nje umntu ekhaya uyacula, nditsho nabazala bam,” utshilo uTsako.

UTsako nowenze izifundo zobuntatheli eWalter Sisulu University, ukhe wasebenza kwiWild Coast FM njengombhali weendaba. Emva kwethutyana ekwesi sitishi, uTsako ukhumbule olona thando analo ebomini bakhe, nekungumculo.

Le mvumi isebenze njengomncedisi weemvumi ezifana noBetusile Mcinga, Butho & Yolanda Vuthela, Dumi Mkokstad, Vashawn Michelle (waseMelika), Porters House Online Choir, Dumza Maswana, Sliq Angel kunye nezinye iimvumi.

UTsako ujonge ukushicilela iingoma eziyi-12, kwaye umculo wakhe ukhuthazwa zizinto ezenzekayo ebomi, nakwilizwe liphela. Kweli cwecwe aza kulishicilela uTsako usebenze noSibusiso Majiza (iprodyusa), noMandisi Luxomo (iprodyusa ebisebenza ngokubambisana).

Le mvumi ithi umculo wayo iyazibhalela. “Ubuninzi bomculo ndizibhalele kodwa bakhona abanye ababhali abafake isandla kule projekthi endingabalula uAndile Maqoma, Ayabonga Qamarana, Zinakho Zamane kunye noWandile Mbolompo,” utshilo uTsako.

Nangona le mvumi ishicilela elayo icwecwe, ayiyekanga ukuba ngumncedisi kwezinye iimvumi. “Kufikelele nje ixesha lokuba umculo endiwubhalayo ufikelele ebantwini. Le misebenzi bendihleli ndiyenza yomibini, ukuba ngumncedisi wezinye iimvumi, kwanokuba yimvumi, umahluko ngowokuba ngoku umculo wam uza kufumaneka kumaqonga okuthenga umculo,” utshilo uTsako.

Umculo wakhe uwuchaze njengomculo owahlukileyo ngokwesingqi kodwa wona umyalezo uqulathe iindaba ezilungileyo, unika ithemba nenkuthazo ingakumbi kulutsha loMzantsi Afrika.

Ukanti le mvumi xa ishicilela icwecwe layo ngoMgqibelo eGuild Theatre, eMonti, ithembisa okuninzi. “Abantu mabalindele uncuthu lwengoma, umculo ovuselelayo, onikeza ithemba kwabamoya waphukileyo. Ngaphezulu kwako konke imini yange-11 yimini yokubonakalisa umbulelo wam kuThixo ngesipho andiphe sona. Eso sipho sindivulela iminyango endingazange ndayicinga ukuba ndingaze ndingene kuyo, nokundithwala kumaxesha anzima obomi,” uvale ngelo uTsako.

Kwabo banomdla wokuba yinxalenye yokushicilelwa kwecwecwe likaTsako, ngentsimbi yesithandathu emalanga uza kube eseqongeni esenza oko akuthandayo, ukucula.

Amatikiti ayafumaneka eComputicket ngeR200.