IZIMVO: THINA SAZI IMBUMBA YAMANYAMA

Mhleli, ndivumele ndondlale ugaga, kule ngxoxo ivezwa ngulo mfo kaMonde Ciko.

Ngoondlothovu abanokuthuka uNtsikana ngokungcatsha sijongene neengxaki; ilizwe lethu linomceli-mngeni wokungabikho kweenkokeli eziphume izandla. Lo nto yenza ukuba kungabikho ndima ibonakalayo nakumhlaba osele uhanjiwe ngokuthi xa siqala ukwakha kubekho abagxogxa ngamatye.

Sithi ke thina khaya lakuloNtsikana, abona bangcatshi ngoovukengceni aba bazama ukukhonya okwemiqhagi yeenkukhu.

Siyayiphikisa le ngxelo iza nalo kaCiko, sele eyigqibile okaMhambi le nto kwiphepha leveki ephelileyo.

Iintaba zebhukazana ziyasingqinela mfo wasembo.

Ndithanda le nto ivezwa leli chule lakwaNomenti yobumbo; sithanda amakhalipha thina akhayo, hayi adiliza amakhaya ezinye izizwe. UNtsikana akayonkedama, unekhaya lakhe nesizukulwana sakhe. Lumnka ukukhab’ imviko. Mandiyivelise into ethi umzi wamaCirha awuvi kamnandi xa sisithi isizwe sele sihambe umgama omde kangaka kubekho abantu abaligxogxayo inyange eli linguSonoyi.

Okunene ayaphela, ayasithela amadoda okulanda nokugcina imbali yethu. AmaCirha avela mhla kwavela iintaba. Angumzi omi phezu kweentaba. Zithi izizwe ziwunyelisa zibe ezinye ziwukhahlela.

Inqaku le I’solezwe, 06-12 eyeKhala – elithi uNtsikana wayelixoki – linobuvuvu bolahlekiso. Into kaNtu nobuKristu, ndivumelana nalo kaMhambi, ayintshanga. AmaCirha ayaziwa kweli lasemaXhoseni ngembeko, nobuchule bokudibanisa izizwe kuba alikhonkco lokudibanisa endaweni yokuchitha. Xa ndisuka kule ntshayelelo mandenze umbulelo kwiKumkani yethu uMhlekazi uMpendulo kaSigcawu. Aaa! Zwelonke! – ngokuvezela isizwe ukuba AmaCirha la akhe angabantu ekhaya apha kwakweli phepha lesiXhosa.

Mandibuyele kumxholo ebendifuna uvele. Yintoni imbumba yaManyama?

Eli gama lisukela mhla ngengxaki yamaNgesi awayethe gqolo ukuthulula iimbumbulu kubantu besizwe, iikumkani, iinkosi nabenyulwa/abefundisi; zabona kufanelekile ukwenza indibaniselwano eyabizwa ngeMbumba yaManyama; isekwa ngo-1880. Yaphehlelelwa ngo-1882 kwidolophu yaseBhayi. Iinkokeli zayo: uMongameli yayinguMfundisi Sihlali wamaWisile, usekela wakhe inguMfundisi Momoti wama-Anglican.

Emva kwamashumi amathandathu eminyaka yasekwayo, uNtsikana lo kuthiwa ngumngcatshi ne xoki ngokwa lo mfo waseBathenjini, uyaleza iikumkani zakowabo neenkosi ukuba yena uyasithela, ze umzi wonke ube yiMbumba yaManyama. UKumkani Ngqika (Aaa! Lwaganda!), uYisekazi uNkosi uNdlambe (Aaa! Ndabanduna), iKumkani uHintsa (Aaa! Zanzolo), neKumkani uNgubengcuka (Aaa! Ngubengcuka) yakuba Thembu, kwathiwa mabaxelelwe ukuba mabaqinise umfelandawonye, iMbumba yaManyama. Ngexesha lesiswenye umfo kaNophanyaza, uGqirha M.W.Rubusana (le nqwele yajikwa ngo-1891 kwathiwa yiNgqungquthela kaRubusana), elinyange lalingumcebisi kuMatshaweni, kwa uNtsikana waye ngumcebisi kuKumkani uNgqika.

Xa ndiphokoza imbilini kulo mba, zakhe zabaleka izizwe kuMaTshawe kwema AmaCirha, uzokutsho ngoku thina sisabambe imbumba yesizwe ukuba sidibane nanamhlanje. Eyokuthengisa asiyazi. Neyobuxoki bukaNtsikana asiyazi. Kwintaba zebhukazana kulele uMthunywa wenkosi yeenkosi [kolose 4vs1]. Le Mbumba yaManyama igqibe ilizwekazi le Afrika malunga nesigidi nangaphezulu (1.4-million) angamalungu kulo mbutho, iyaziwa eKenya. Xa ilingu lethu belindwendwele khona. Sikwiphondo lemfazwe ezilishumi zobhunyulo mihlaba. AmaCirha yayingabacwangcisi baloo maphulo asendulo kuheshuzwa amarhamncwa nabangeneleli kweli lizwe loo bawomkhulu bethu.

Mhleli, ndivumele ndiphele. Mna ke ndingu Mbulelo, ozalwa nguKekana, yena uzalwa nguKewuti, yena uzalwa nguSkina, yena uzalwa nguDyibishe, yena uyinkulu yaseKunene kuManoni, yena wayenezindlu ezilishumi uManoni, yena uphuma kuKobe, yena uphuma kuNtsikana, yena uphuma kuGabha, yena uphuma kuThana, naye wayenezindlu ezilishumi, yena uphuma kuMhlantla, yena uphuma kuNtswentswe, yena uphuma kuQanqolo.

Nguye uQanqolo owayekhokele amaCirha ukuphuma kwawo eNgcwanguba esehla nawo egudle ulwandle, yena yinkulu kaNyembezana, yena uphuma kuMalandela, ngulo kwathiwa uyakulandela uyise uCirha.

Ukugcina uMnombo kodwa ekukunene kuCirha, yiyo le ndlu elanda ubukhosi nobukumkani bamaCirha. Besele ndithe ndiyayeka ndisuke ndatsho ukufudumala, indlu yamaCirha iinenjongo ezimelwe ngumbutho wawo, ukubhekisa phambili isizwe sawo.

Isigqeba esiyiMbumba yaManyama, zezi zilandelayo

[1]Ukwenyusa izinga kwezenkcubeko phakathi kwezindlu zawo nesizwe.

[2]Ukwakha Uqilima phakathi kwezindlu zawo,ngakumbi ezo zalathelwe ubukhosi.

[3]Ukubuyisa isidima saMacirha ngokubhekiselele ebukhosini.

[4]Sonyiselela ubudlelane obuhle namanye amaziko akwa neembono ezinje ngezethu.

[5]Senza iinzame zonxibelelwano nezinye izizwe zasebukhosini ngaphakathi nangaphandle kwe mida.

[6]Siququzelela imigcobo yemveli, iinkongolo ezizakwenza ukuba ubukhosi bubumbane.

[7]Senza inzame ukwenyusa izinga lomnotho kula manqanaba alandelayo, kwizithili, kwinqila, kwiphondo, nakwilizwe lonke.

Ezi njongo siyakuzifezekisa ngokuzidibanisa nekhwelo likaMongameli uThabo ka Mbeki elithi: “makubekho iBuyambo!”