Kufunyenwe izidumbu ziqungquluzile eKapa

KAPA- Akukho mntu unolwazi ngezidumbu ezine ezifunyenwe kwingingqi yoo-W nako-RR eSite B ngentsasa yangoMgqibelo. 

Abahlali babone isimanga sezidumbu ezintathu zidunduluze koo-W babiza amapolisa nafike ahlola, aqaphela ukuba omathathu amaxhoba adutyulwe. 

La maxhoba afunyenwe koo-W ngabafana ababini nebhinqa elinye, logama elinye ibhinqa umzimba walo ufunyenwe kwindawo yamatyotyombe oo-RR nengekude kuyaphi apho kufunyenwe imizimba emithathu.

USomlomo wamapolisa kwiphondo leNtshona Koloni, uSajini Noloyiso Rwexana, uphawule wenjenje:

 “ Amapolisa acela uncedo kuye nabani onolwazi lwezidumbu ezifunyenwe zidutyulwe kwingingqi yaseSite B aze ngaphambili.
Amapolisa aqhuba uphando kwaye okwangoku akukabikho mntu ubanjiweyo okanye ozokudiza ukulahlekelwa ngumntu kwezi zidumbu zifunyenweyo.”

Abahlali kula ngingqi bathi bothukile kakhulu sesi senzo kwaye abo bathethe neentatheli bathi abaqinisekanga ukuba amaxhoba ngawala ngingqi kusini na.