IDikwena intywiliselwe yiPirates enkundleni yayo

Thembinkosi Lorch of Orlando Pirates during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Mamelodi Sundowns on 01 November 2017 at Orlando Stadium @Sydney Mahlangu/BackpagePix

AmaBhaka-bhaka
anike usihlalo (wawo) uGqirha Irvin Khoza isipho esihle ngokuphumelela umdlalo obumhle
namhlanje eRoyal Bafokeng Stadium emva kokuntywilisela iPlatinun Stars esezingxakini kwezi ntsuku. Amagowuli amabini afakwe yifolosi uJustin
Shonga kwisigaba sokuqala somdlalo noThembinkosi Lorch ongcangcazelise umnatha
kwesesibini, anike i-Orlando Pirates amanqaku amathathu ayithathe (iPirates) ayoyilahla
emva kweMamelodi Sundowns ephezulu kwiPSL. Kunyanzeleke okokuba asebenze zisuka
unozinti weBucs, uJackson Mabokgwane, emva kokuba ifolosi yeDikwena,
uBonginkosi Ntuli, ezame ukufaka igowuli kumzuzu wesithathu umdlalo uqalile.
Izamile ukuphendula nayo iPirates ngebhola kaLorch emva kwemizuzwana – kodwa ngelishwa
lakhe ufike ethe qwa unozinti wePlatinum Stars – uDino Visser.

Nangona iqale
ngokuxhathisa emdlalweni iPlatinum Stars – kodwa kuye kwacaca ukuba idibene
namakhangala wePirates aze emdlalweni ezilungiselele ngokupheleleyo. Ukuba ibikwazile
ukuwasebenzisa amathuba wayo kakuhle iPirates, bekufaneluba iye kwixesha
lokuphumla ihamba phambili ngamagowuli amabini okungenani ngoba ebekhona
amathuba. Emva kwethuba ezama uJustin Shonga kwimidlalo edlulileyo, namhlanje
ude wafuma igowuli kumzuzu wamashumi amabini anesixhenxe. Eyona nto ibibonakala
iphambili kubadlali bePirates kwisigaba sesibini ibikukuqinisekisa ukuba
ifumana igowuli lesibini lokuqinisekisa impumelelo.

Umqeqeshi wePirates,
uMilutin Sredojevic, uye wanyanzeleka ukuba akuphe uGladwin Shitolo ngenxa
yokonzakala, indawo yakhe ithathwe nguMarshall Munetsi. Umdlali osuka kwiChippa
United, uDiamond Thopola, ufumene ithuba lokudlalela iPirates okokuqala emva
kokungena endaweni kaKapteni wanamhlanje uMpho Makola kwisigaba sesibini
somdlalo. IDikwena ihleli kwindawo yokugqibela kwiPSL kwaye akubonakali ngathi
iyakuphuncuka lula kwindawo ehleli kuyo ngoku.

Platinum Stars: Visser, De Jongh,
Sithole, Mthethwa, Mpeta, Mere, Mekoa, Rambuwane, Ng’ambi, Msomi, Ntuli.

Orlando Pirates: Mabokgwane, Shitolo,
Nyauza, Dube, Maela, Nyatama, Makola, Norodien, Memela, Lorch, Shonga.