Kukhuthazwa ulutsha eGcuwa

Kusasa namhlanje, usomashishini uBongiwe Mafani ekunye nomdlali kamabonakude uLusanda Mbane, bazakube bekhuthaza abantwana abangamantombazana abakumakhulu amabini (200) bezikolo ezahlukeneyo ezingqonge iGcuwa.

Lo msitho uzakubanjelwa kwiholo yale dolophu. Aba bafundi ngabo abakwibanga lesithandathu ukuya kwibanga leshumi kwiholo yoluntu eGcuwa.

UMafani kwakunye noMbane ngabasunguli benkampani ebizwa “Zazi, Zithande, Zithembe” neyasekwa ukuba inike inkxaso kubantwana abasebancinane abangamantombazana ekubeni babenolwazi ngezinto ezibangqongileyo kwanezakhono.

Esi sibini sikholelwa ukuba imfesane iqala ekhaya njengoko bezinzalelwane zaseGcuwa.