Ligwetywe ubomi ibanjwa eladlwengula elinye ibanjwa

Ugwetywe ubomi kwinkundla yaseBloemfontein eFreyistata indoda eneminyaka engamashumi amane anesibini (42) esele ilibanjwa.

Eli banjwa, uJeffrey Bona, uvalelwe kwintolongo yaseMangaung Correctional Facility kwaye ugwetywe ngokudlwengula elinye ibanjwa.

Isithethi seNPA eFreyistata, uMojalefa Senokoatsane uthi iziganeko zodlwengulo zenzeke ngo2021.

“Umtyholwa nexhoba bebedontsa izigwebo zabo kweli ziko ngethuba umtyholwa edlwengula ixhoba izihlandlo ezininzi. Ixhoba liye layixela kwabasemagunyeni lo mba waze umtyholwa wabekwa ityala lokudlwengula,” utshilo uSenokoatsane.

Ngethuba eli tyala laliqhubeka, umtshutshisi wayemi ngelithi inkundla mayingaphambuki ekunikeni umtyholwa isigwebo sobomi entolongweni.

Umtshutshisi uhambise wathi uBona akazange abonakalise ukuzisola kwaye wayesele evalelwe ngethuba edlwengula ixhoba.

Umtshutshisi uphinde wagxininisa ukuba kuya kuba luncedo kuluntu ukuba agwetywe ubomi bakhe bonke entolongweni.

Ngexesha letyala, inkundla yafumanisa ukuba akukho zinto zibambekayo nezinyanzelisayo ukuba inkundla ijike kwisigwebo sobomi esimiselweyo.

Inkundla imgwebe ubomi uBona ejele ngokudlwengula.

“Ukugwetywa kunye nesigwebo singqina ukuzinikela kweNPA ekuqhubeleni phambili umlo ochasene nalo naluphi na uhlobo lolwaphulo mthetho, nokuba lwenziwe luluntu okanye ngabantu abasele besentolongweni. IGunyabantu lezoTshutshiso lizakuqhubeka nokutshutshisa ngaphandle koloyiko, umkhethe, okanye ukucalula,” utshilo uSenokoatsane.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.