Ugwetyiwe uMy Friend owagqumza ootitshalakazi ngepenshini yabo!

Inkundla yamatyala eQonce igwebe uLucious Charles Saba (30) ongummi waseTanzania iminyaka engamashumi amabini anesihlanu entolongweni emveni kokuba efunyenwe enetyala lokugqumza ootitshalakazi ababini abasele bethathe umhlalaphantsi, ipenshini ngamanye, imali engaphaya kwezigidi ezibini namakhulu amahlanu amawaka eerandi (R2,5 million).

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA uLuxolo Tyali ithi, uSaba waqala ngokuzenza obathandayo wacela uthando kwezi titshalakazi zimbini ngokohlukana kwazo emva koko wabaqhatha esithi mazityale imali yazo kwinkampani ethile kanti yeyakhe yomgunyathi. USaba wayekweli lizwe loMzantsi Afrika ngokungekho semthethweni nanjengoko wayengenazo iimpephamvume.

Amaxhoba aphakathi kweminyaka engama58 nama59 ubudala. Oku kwenzeka ngonyaka ka2017. USaba uye wathandana nabo ngaxeshanye lo gama ootishalakazi bengazani kwaye wakwazi ukubaqhatha ukuba bayikhuphe yonke imali yabo yepenshini ebhankini bayinike yena ukuze ayityale.

Omnye utitshalakazi wakhupha imali engaphaya kwesigidi seerandi (R1,6 million) waze omnye wakhupha iR900,000, eyatyalwa kwinkampani kaSaba iYNM neseThekwini, KwaZulu-Natal, ephethwe ngabemi abaphuma kumazwe aseAfrika.

UTyali uthi emva kokuba aba titshalakazi baye bakrokra emva kokuqaphela ukunyamalala kukaSaba, baye batsalela uSaba akafumaneka baze bachaza emapoliseni.

USaba waye wabanjwa eThekwini eKZN kwaye akazange ayifumane ibheyile kuba engenayo kwasazisi eso. Ngethuba kuqhuba ityala uSaba waliphika ityala esithi ayinguye inokuba amaxhoba ayamphazamisa okanye ayamfanisa nomntu ongenguye.

Umtshutshisi wenkundla uCyril Mahamba waveza ubungqina obutshonisa okaSaba phambi kwenkundla, emva koko yavumelana inkundla ngokumgweba.

Inkundla yamnika iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) engaphakathi entolongweni, kwaye uSaba zange abonakalise nokuzisola ngesi senzo ngethuba egwetywa.