Linqunyanyisiwe ikhankatha elizuma abakhwetha

Linqunyanyisiwe emva kokunaba kwezityholo zokuba lizuma abakhwetha ikhankatha lakwaWard 5 eMalahleni eCacadu. Uninzi labahlali alivumi kuthetha ngokukhululekileyo ngalo mcimbi ngesizathu esaziwa ngabo kodwa kuthwa baninzi abakhwetha abazunywe leli khankatha.

Umhlali ocele ukhuseleko uthi sele bengamadoda abanye babantwana abathe ngethuba bese suthwini bazunywa leli khankatha lamanyala.

“Ngalo nyaka ndingawaziyo bavela babaninzi abantwana awayebakhankathela bethethe ngasese, besithi ubazumile lo mfo esuthwini,” kutsho umhlali. Uthi bambi babantwana iyabaphinda lendoda ukuba zuma naxa sele bengamakrwala ibenza amakhosikazi wayo.

“Kwelinye ikhaya wacela uxolo emva kokuba umntwana eyivezile into yokuba yamlala le ndoda ecinga ukuba yinxalenye yesiko ukulalwa kwakhe,” kutsho umhlali.

IMpuma Koloni sele inomdintsi xa ithelekiswa namanye amaphondo ngenxa yemikhuba emdaka ebangela ukubhubha nokulimala kwabakhwetha.

Omnye umhlali uthi unolwazi lokuba ngenene le ndoda ayisavunyelwa ukuba ikhankathele abantwana. “Aba bantwana sithethe nabo bathi lo mfo xa ekhankathela umkhwetha akavumi ukuba umkhwetha wakhe adibane nabanye abakhwetha, ukholwa kukuhlala naye engabonwa ngabanye,” kutsho omnye umhlali.

Umcimbi wokuzunywa kwaba bakhwetha yile ndoda ubangele ukwahlukana phakathi kule ndawo kuba abanye besithi ababoni nto igwenxa.

‘“Le nto ivezwe ngumntu okhonza na le ndoda, emva kokuba besilwa eCaweni ngezinto zabo, yena ngenene kuthwa uyabazuma abakhwetha, kungoko enqunyanyisiwe ekukhankatheni,” kutsho umhlali.

I’solezwe lesiXhosa lijikeleze lancama kule lali likhangela abantwana abavumayo ukuba ngenene balelwe yile ndoda. “Asoze ubafumane kuba kaloku boyikisela iimpilo zabo, nawe unesibindi ukuyikhangela le nto, iyaziwa ngabantu bale ndawo qha abafuni kuza nayo ngaphambili,” kutsho umhlali.

Kuthwa elikhankatha liyawagrogrisa lamakhwenkwe liwanyanzela ukuba alale nalo, kwaye liwaqinisekise ukuba awanakuze ayithethe le nto.

“Kuthwa xa sele bephumile esuthwini aba bantwana lo mfana uyabalandela ebanyanzela ukuba benze lento apha kuye, ibenguye inkosikazi,” kutsho umhlali.

Elinye lamagosa asebenza ngesiko lokwaluka lingqine oku ngokuthi liyale amadoda ngelithi aliwafuni amadoda alala nabakhwetha esuthwini.

“Andizifuni ezi zinto kuthwa ngama 28 apha, kuba abo bantu balala abakhwetha,” litshilo eli gosa. Ngaphambi kokuya kushicilelo asifumananga mpendulo kumapolisa aseCacadu malunga nesimangalo esakhe safakwa kumangalelwa ikhankatha elizuma abakhwetha kulo Masipala.