Ingozi yeemoto isube imiphefumlo emithandathu

Kusweleke abantu abathandathu, esinye isithandathu saleqiswa esibhedlele kwingozi ehambisa umzimba, nehle kwindlela uM17 ngaseMotherwell naKwaZakhele ngale ntseni.

Iimoto ezimbini zohlobo lweToyota Hilux bakkie emhlophe kunye neVW Golf 7 zingquzulene okweenkunzi zegusha kule ngozi nethe yasuba imiphefumlo emithandathu.

IToyota Hilux bakkie ibisuka ngaseMotherwell isingise KwaZakhele, ukanti iVW Golf yona ibisingise eMotherwell ngethuba kusehla le ngozi.

Abaphulukene nobomi babo kwindawo yexhwayelo baquka umqhubi webhaki ongowasetyhini, nalowo ubekhwele naye ngaphambili nongowasetyhini naye, abantwana ababini abangamakhwenkwe abaneminyaka eyi-6, neyi-12. Ukanti nesibini samadoda ebekwi-VW Golf nawo aphulukene nobomi bawo kule ngozi.

Amadoda amathandathu wona asindileyo nabekhwele ngasemva kwibhaki, aleqiswe kwisibhedlele iDora Nginza onzakele kakhulu, nalapho afumana khona unyango.

Unobangela wale ngozi usaphandwa, kwaye kukrokreleka ukuba ingozi ibangelwe sisantya esiphezulu kuquka notywala. Kuvulwe ityala lokubulala ngokungenanjongo, kwaye lisaphandwa ngamapolisa aseSwartkops.

Amagama abaswelekileyo kule ngozi akakaziswa, nanjengoko kusaza kwaziswa izihlobo zabo kuqala.