Lulahlwe kwisikhululo samapolisa usana olusandul’ ukuzalwa

Abacuphi besikhululo samapolisa iSAPS Mount Road eGqeberha bazama ngokungxamisekileyo ukukhangela umama wosana olusandul’ ukuzalwa olushiywe kumnyango wesikhululo samapolisa aseMount Road ngentseni yangoLwesibini.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi kuvakala ukuba malunga nentsimbi yesibini ekuseni, ipolisa lalisiya ngasemotweni yamapolisa ngethuba lisiva usana olulilayo ngakwisango labahamba ngeenyawo.

Usana lufunyenwe phantsi ekoneni. Umntwana ebebhijelwe ngetawuli emnyama namdaka ngombala kunye nengubo emhlophe. Umntwana wasiwa kwisibhedlele saseDora Nginza.

Kwavulwa ityala lokulahlwa komntwana ukuze kuphandwe.

Kucelwa nabani na onokunceda ekufumaneni lo mama okanye owazi umntu obekhulelwe kutshanje kwaye akasenamntwana, atsalele umnxeba kwisikhululo samapolisa aseMount Road ku-041 394 6316 okanye 041 394 6243. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokukhetha ukuhlala bengaziwa