‘Ngamaxoki anolwimi amadoda’

‘Ngamaxoki anolwimi amadoda’ – La ngamazwi kanobhala jikelele wombutho weSouth African Federation of Trade Unions, uZwelinzima Vavi, ngethuba ethetha namalungu ombutho wakhe eThobi Kula, eKomani.

Uthi amanina kweli asacinezelwe ngendlela zonke ngokuthi amadoda abonakaliswe njengabantu abanobunganga ngeendlela ezahlukeneyo.

“La madoda enziwa ingathi anobunganga kwintlalo, ngamaxoki, anolwimi achitha imizi ngokwenza zonke izinto ezimasiki, kodwa basabonakaliswa ukuba banobunganga,” ugadlele watsho uVavi.

Lo kaVavi ukwakhwele ezehlela kumasiko nezithethe zeli ngelithi adlala indima enkulu ukucinezela amakhosikazi oMzantsi Afrika.

“Indlela enziwe nasebenza ngayo amasiko nezithethe zethu zenza ukuba amakhosikazi ahlale ecinezelwe, inkululeko yethu iseyinto yamadoda odwa,” uthethe watsho uVavi.

Umbutho weSAFTU udibanise imibutho ephantsi kwawo eKomani ngenjongo zokufumana amalungu amatsha, logama bebekwanika imbeko kumhla wamakhosikazi oMzantsi Afrika.

Utyhola amadoda ngokuba asebenzisa imali yelobola nje ngento eyanika igunya lokuxhaphaza amakhosikazi kweli.

“Ilobola ichazwa ngamadoda njengento ethetha ukuba banelungelo lokuba banyanzele amakhosikazi ukuya kwisondo nokuba badiniwe, bancame bavume nokuba kunzima, ngoko ke amanina acinezelwe emsebenzini, ekuhlaleni nasezindlini zawo ngokunjalo,” uthethe oko uVavi.

Ukwasebenzise elithuba ukucacisele amalungu wakhe ngendlela lo mbutho osebenza ngayo, ekwachaza imvelaphi yawo. Yimibutho yabasebenzi engaphezu kwamashumi amabini anesine engamalungu aphantsi kweSAFTU. Imibutho equka iFAWU, DEMAWUSA, SAPU, SASPU, NUMSA, NUPSAW, SAPRAWU ebeyinxalenye yalo mcimbi.

Ethethe egameni lo mbutho wakhe oyinkokheli yeSASPU, uMzo Joco, uthi ukuzalwa kwalo mbutho kubanike ikhaya.

“Siyaqala ukuba sizimanye nombutho wembumba yabasebenzi ngeSAFTU, kuba besisoloko sisoyika ukuzifuthanyisela kubugqwirha beCosatu.”